xho63-1229e khangela phaya kuyesu vgr - …download.branham.org/pdf/xho/xho63-1229e look away...

60
KHANGELA PHAYA KUY ESU ` Amen. Enkosi, George, Becky, noDade Ungren, ngelo culo limnandi! Yinyaniso leyo, “Konke kuyaguquka akufika uYesu.” Ubuvalela nje ngaphandle ubumnyama, asasaze ukuKhanya, yaye sinombulelo ngenxa yaloo nto. Ngoku, ibilityeli lokuqala likaBecky edlala umculo apha ebandleni, ngoko liculo elifaneleke ngenene elo, Akufika UYesu. 2 Sinombulelo ke kwakhona ngokuba lapha ngokuhlwanje sinombulelo kakhulu ngo^ngokuphumelela kwenu kangaka ngale ntsasa. Ke ngokuhlwanje, kukuthi, ndinomxholo omncinane endifuna ukuthetha ngawo, okwemizuzwana embalwa; kodwa ke ngaphambi koko, ndinezaziso endimelwe kukuzenza, nezinto ezinjalo. 3 Nditshe ilizwi kancinane nje. Ndiyacinga nje ukuba kukuthetha ngokugqithisileyo. Ndishumayele ithuba elide. Kodwa ndiza kuthatha ezi, iyure okanye zibe mbini, amakhasethi, ndize ndithi ndakubuyela apha, kube ngenxa yokuba ndishicilela wona ukulungiselela ihlabathi jikelele. Ndiyanibulela ke ngoko ngokuba nomonde kangaka kuthi ngale ntsasa. 4 Ke ngoku kukho izinto ezimbalwa endiyakuthanda ukuzicaphazela kanye kule ndawo. Oko kukuthi, ukuthi, ndi_ndingathanda ukucela ibandla, into yokuqala, into ethile endi_endiyenzileyo, kwaye ndi_ndifuna ukucela ukuba ndingayitshintsha na loo nto, ngokuhlwanje. Asi^ 5 Andenzi zifungo zonyaka omtsha. Kwaye ndi^simelwe kukuhamba ngomso, ngoko asisayi kubakho apha ngethuba lonyaka omtsha, ukuze^kodwa siyakube sinikhumbula. Yaye ndiyakholwa ukuba iyakubakho inkonzo apha, ngobusuku bonyaka omtsha. Ewe, kunjalo, i_inkonzo yomlindo, njengokuba behlala bebanayo ngobusuku bonyaka omtsha. Singathanda ukuhlala, kodwa nje asinako ukufika ngexesha ngoko uku_ukuze sise abantwana esikolweni. Yaye inkosikazi imelwe kukuhlamba impahla yabo; niyazi ukuba injani na loo nto. 6 Ke ndifuna ukubulela umntu ngamnye kuni ngezinto ezilungileyo enisenzele zona apha ngeKrismesi. Nakuni bafazi niye nenyuka nabeka ukutya phaya endlwini, nezinto ezinjalo, ukulungiselela thina, ukuze sakufika phaya_phaya, zabe izinto sele ziphekiwe zilungele ukudliwa. Ndiyanibulela ngenene ngaloo nto. Wanga uThixo anganisikelela njalo. 7 Nebandla ke, ngetikitana lalo, ukuze ndibe nokuya ngapha ndi_ndifumane iimpahla ukuba ndiyazifuna, isuti. Lindipha

Upload: others

Post on 20-Jan-2020

4 views

Category:

Documents


0 download

TRANSCRIPT

Page 1: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

KHANGELA PHAYA KUYESU 1

KHANGELA PHAYA KUYESU

` Amen. Enkosi, George, Becky, noDade Ungren, ngelo culolimnandi! Yinyaniso leyo, “Konke kuyaguquka akufika

uYesu.” Ubuvalela nje ngaphandle ubumnyama, asasazeukuKhanya, yaye sinombulelo ngenxa yaloo nto. Ngoku,ibilityeli lokuqala likaBecky edlala umculo apha ebandleni,ngoko liculo elifaneleke ngenene elo, Akufika UYesu.2 Sinombulelo ke kwakhona ngokuba lapha ngokuhlwanjesinombulelo kakhulu ngo^ngokuphumelela kwenu kangakangale ntsasa. Ke ngokuhlwanje, kukuthi, ndinomxholoomncinane endifuna ukuthetha ngawo, okwemizuzwanaembalwa; kodwa ke ngaphambi koko, ndinezaziso endimelwekukuzenza, nezinto ezinjalo.3 Nditshe ilizwi kancinane nje. Ndiyacinga nje ukubakukuthetha ngokugqithisileyo. Ndishumayele ithuba elide.Kodwa ndiza kuthatha ezi, iyure okanye zibe mbini,amakhasethi, ndize ndithi ndakubuyela apha, kube ngenxayokuba ndishicilela wona ukulungiselela ihlabathi jikelele.Ndiyanibulela ke ngoko ngokuba nomonde kangaka kuthingale ntsasa.4 Ke ngoku kukho izinto ezimbalwa endiyakuthandaukuzicaphazela kanye kule ndawo. Oko kukuthi, ukuthi,ndi_ndingathanda ukucela ibandla, into yokuqala, into ethileendi_endiyenzileyo, kwaye ndi_ndifuna ukucela ukubandingayitshintsha na loo nto, ngokuhlwanje. Asi^5 Andenzi zifungo zonyaka omtsha. Kwaye ndi^simelwekukuhamba ngomso, ngoko asisayi kubakho apha ngethubalonyaka omtsha, ukuze^kodwa siyakube sinikhumbula. Yayendiyakholwa ukuba iyakubakho inkonzo apha, ngobusukubonyaka omtsha. Ewe, kunjalo, i_inkonzo yomlindo,njengokuba behlala bebanayo ngobusuku bonyaka omtsha.Singathanda ukuhlala, kodwa nje asinako ukufika ngexeshangoko uku_ukuze sise abantwana esikolweni. Yaye inkosikaziimelwe kukuhlamba impahla yabo; niyazi ukuba injani na loonto.6 Ke ndifuna ukubulela umntu ngamnye kuni ngezintoezilungileyo enisenzele zona apha ngeKrismesi. Nakuni bafaziniye nenyuka nabeka ukutya phaya endlwini, nezinto ezinjalo,ukulungiselela thina, ukuze sakufika phaya_phaya, zabeizinto sele ziphekiwe zilungele ukudliwa. Ndiyanibulelangenene ngaloo nto. Wanga uThixo anganisikelela njalo.7 Nebandla ke, ngetikitana lalo, ukuze ndibe nokuya ngaphandi_ndifumane iimpahla ukuba ndiyazifuna, isuti. Lindipha

Page 2: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

2 ILIZWI ELITHETHIWEYO

isuti nyaka ngamnye. Yaye abanye babahlobo bamabanobubele basandula kundifunela isuti. Ngoko ndiyacinga,ukuba kulungile, ndifuna ezinye izinto ezinjengeehempeneehempe zangaphantsi, nezinto ezinjalo, ndingathandaukuyithabathela loo nto loo mali ukuba kulungile kwibandla.Zezo zinto endizisweleyo kunokuba ndi^kakhulu kunokubandiyiswele isuti, okweli xesha.8 Ke ngoku, lo mfo uselula ugqiba kusiculela iculo,uMzalwana George Smith, wasezantsi eTucson, besinyuka siyeenkonzweni yabo phaya phezulu, inkonzo iNew TestamentBaptist. Uyise ungumseki mabandla. Ndiyacinga ukubaunamalunga nesixhenxe samabandla ezantsi e-Old Mexico.Yaye kukho abantu abalungileyo ngenene apho. Kwaye uyisenonina ke, nabo bebonke, bangabantu abalungileyo ke khona.NoGeorge ungumfana olunge kakhulu. Ndive kakubi ngokubaengasinikanga bungqina phambi kokuba ahlale phantsi,obobabalo olusindisayo lukaKristu kubomi bakhe.9 Ke ngoku, i_iMiyalezo, ndithembisile apha kungekudalakwithuba elidlulileyo, ukuba iMiyalezo, phambi kokubandiphumele ngaphandle ezinkonzweni, ndiyakuza apha kuqalandishicilele ndize ke ndiphumele ngaphandle. Loo ntoibisenzelwa ukuze amakhasethi aye ebantwini. Bendiyakuzaapha ke ndishicilele uMyalezo, ndize ndiphumendiWushumayele. Loo nto ibiyakunika abantu ithuba,ku_kubenzi bamakhasethi, elokuba benze ikhasethi sizesihambe nalo ekuhambeni kwethu. Ngoku ndilungiselelaukumnka ndisiya kuludwe lwehambo zokuvangela, ngokoa_andiyi kuba nako ukuyenza loo nto ukususela ngoku ukuyaphambili, yabona, yaye abo bashicilela amakhasethibayakunyanzeleka nje ukuba bawafumane njengoko sihamba.10 Yaye ndiyacinga, ngaphaya koko, abazukuba nentlanganisomalunga namakhasethi kule veki? Okanye, into ethile okanyeeyenye malunga noko, into ethile malunga namakhasethi kuleveki. Phofu ke, ndiyacinga ukuba uMzalwana Sothmannukhona, kwaye umele uMzalwana Maguire. Andazi nokubaukhona na okanye hayi. Ndiyacinga ukuba ukhona uMzalwanauFred. Ukho umntu othe ukhona. Yena ke^Ndiyacinga ukubabanentlanganiso kule veki, mhlawumbi ngokuhlwakwangomso, okanye ngexesha elithile, malunga namakhasethi.Sasithetha ngayo ngobunye ubusuku, kwelaa gumbi liphaya.Ndiyacinga ukuba lifikile ixesha lokuba kubekho intoeyenziwayo, ukuze bayithabathe benze amalungiselelo ngayo.11 Ngoko, ukusukela ngoku ukuya phambili, ndiyakuthethanje iMiyalezo endingakhange ndiyichukumise aphaeMnqubeni, phaya ngaphandle ezinkonzweni.12 Ke ngoku ndinawo, ndifuna ukubulela kakhulu kuThixongoba bungqina bukaMzalwana Blair. Kwenzekile ukuba abe

Page 3: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

KHANGELA PHAYA KUYESU 3

uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje,behleli kanye apha phambi kwethu, yena lowo wayenalaankwenkwana. Yaye ndiyakhumbula xa iNkosi yandixelelayo,xa yayi^UMzalwana Blair, ekhathazeke ngokupheleleyo,elila. Yabe inkwenkwe yakhe iboxozwe ubuso kanje, yimotoebhukuqileyo, yabe ikwimeko embi kakhulu. Kodwa kwathi xandandi_ndithandaza, ndambona loo mfo mncinane ephilile.UMzalwana Blair, kakade, wandibuza, wathi, “MzalwanaBranham, ngu-ITSHO INKOSI lo?”

Ndathi, “Mzalwana Blair, Blair, ngu-ITSHO INKOSI.”

13 Yaye uMzalwana Blair ulapha ngokuhlwanje. Yayengenene sinombulelo ngokubakho kukaMzalwana Blairphakathi kwethu. Yaye ebekhathazwa yi_yintwana yokubaphatshu-phatshu. Kwaye uSathana umnike umgibe omkhulu,apha kungekudala kwithuba elidlulileyo, ukuzama ukubaangandikholelwa. Wathi esenza loo nto uSathana, iNkosiyafika kanye ngoko yayityhila loo nto kuye; yamxelelamalunga naloo nto, ukuyinqumlela nje isuke ngaphambikokuba lifike ixesha loku. Kwaye uMzalwana uBlair uyindodaelungileyo. Yaye ndifuna ukuba nimkhumbule. Ububambekaphakathi kwembono ezimbini malunga namakakwenze.Akazazi nokuba makajike njani na. Yaye ndiyathemba,Mzalwana Blair, ukuba uThixo^Ungumkhonzi omkhulukaKristu, yaye ininzi into Anayo onokuyenza, kuba izibaneziya zifiphala. Ubukhona ngale ntsasa? Aha. Kulungile, ilungekakhulu loo nto.

14 Ngoku_ngoku, ndiyaqonda, kwityeli elilandelayondikubona, mhlawumbi eNtwasahlobo, kancinane. Yayengeloo thuba, mhlawumbi sakube sisazi ukuba sizakuziqhubana ii_iinkonzo, okanye hayi, apha eJeffersonville, Ngeloothuba ndimelwe kukuba ndibe sendiyile eNorway nakumazweaseScandanavia. Ngoku kanye phambi kokuba sithabatheumxholo^

15 Kakade, sinomgca wokuthandazela ozayo, yaye baninziabemi ngenyawo, emagumbini, nabajikeleze iindonga, njalonjalo, kwaye ndiyazi, nina, kunzima kakhulu kuni. Nam ndiyendema, amaxesha amaninzi, oku kwam. Yaye bendidlulengapha, kumzuzwana odlulileyo, ndithoba inkosikazi,ndaqaphela abantu bengqonge iminyango. Ndaze ndacinga,“Ngubani othi iVangeli Ayiseyeyonanto inomtsalane ikhoyoehlabathini?” Ngokuqinisekileyo iyiyo. Iyiyo, Itsala abobanomdla kuYo. Abo bangenamdla, kakade, ayibatsali. Bona,Ayinakuba namtsalane kubo. Kodwa, uYesu, “Ukuba Mna,”watsho, “ukuba ndithe Ndaphakanyiswa emhlabeni,Ndiyakubatsalela kuM bonke abantu.” Yenjani inyaniso leyo!

16 Ndakufika apha ke, ibaninzi kangako into endimelwekukuyithetha, yaye kufuneka ndibe buyibhala phantsi into

Page 4: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

4 ILIZWI ELITHETHIWEYO

endiza kuyithetha apha, okwethutyana. Kungenjalo ndi^Ininzi kakhulu endimelwe kukuyithetha, usuke uyilibale intooza kuyithetha.17 Ngoku, ndiyaqonda ukuba utata kaMzalwana Ungrenubhaptiziwe ngale ntsasa, eGameni likaYesu Kristu. Ke ukubauDade Ungren nabanye bakhona apha, kuba ibingumthandazowabo othe rhoqo lowo iminyaka emininzi. Yaye MzalwanaUngren, naphi na apho ukhoyo, uThixo akusikelelengokukhulu, mzalwana wam.18 Yaye ukuba asiyonto iyinyani leyo, uThixo makandenzendiphendule ngayo ngoMhla woMgwebo. Yabona? Ndiyaziukuba yinto eyinyaniso. Ndi_ndim oyakuthwala ityala ngaloonto. Yinyaniso ngokuchanekileyo leyo, ngokuba iyiNyaniso.

Uthi, “Ingaba inomahluko ewenzayo?”19 Yawenza kuPawulos. Waze wabuza ukuba babebhaptizwenjani na. Bathi babesele bebhaptiziwe nguYohane, laa ndodayabhaptiza uYesu. UPawulos wathi babenyanzelekile ukubabeze baphindwe ukubhaptizwa, kwakhona, eGameni lika“Yesu Kristu.” Yaye akukho nomntu omnye eBhayibhileniowakhe wabhaptizelwa eGameni lo”Yise, Nyana, noMoyaoyiNgcwele.”20 Akukho bantu bakhe babhaptizwa njalo yadeyakukwenziwa kombutho libandla lobuKatolika eLao-^Lao-Nicaea, ibhunga iLao-Nicene eLao-Nicaea, eRoma. Kulaphoapho wakhe wabhaptizwa umntu wokuqala, kusetyenziswaizihlonipho.21 Omnye umfo wathi kum ngenye imini. Ndathi, “Kulungile,ukuba^I‘Nkosi uYesu,’ liGama laKhe elo.” Wathi^”Ke,”ndathi, “ukuba umfo uza kuwe^”

Wathi, “Andiqondi ukuba inomahluko ewenzayo loo nto.”22 Ndambamba kanye ngemfundiso yakhe. Ndathi, “Ukubaindoda ize kuwe yathi, ‘Ndibhaptizwe eGameni loMfiyowaseSharon, iNyibiba yaseZihlanjeni, neKhwezi loKusa,’ungathi ‘amen’ kuloo nto?”

Wathi, “Hayi, mhlekazi.”Ndathi, “Ungathini^Ungayiphinda uyibhaptize?”Wathi, “Ewe, mhlekazi.”Ndathi, “Ungambhaptiza njani wena?”Wathi, “Ndingambhaptizela eGameni lo‘Yise, Nyana, Moya

oyiNgcwele.’”23 Ndaze ndathi, “nantso indlela endinokumbhaptiza ngayo,ewe, eGameni loYise, Nyana, Moya oyiNgcwele.” Ndathi,“Ngoku, u‘Mfiyo waseSharon, iNyibiba yaseZihlanjeni,iKhwezi loKusa’ ayilogama.”

Page 5: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

KHANGELA PHAYA KUYESU 5

Wathi, “Injalo loo nto. Sisihlonipho eso.”24 Ndathi, “Ngokunjalo u‘Yise, Nyana, Moya oyiNgcwele.’Ngoku ndingambhaptizela eGameni loYise, Nyana, MoyaoyiNgcwele; kwaye iGama loYise, Nyana, Moya oyiNgcweleyi‘Nkosi uYesu Kristu.’ Ngokuchanekileyo. Ngoko ndithi^”Waze wayibona.25 YayinguMzalwana uJoseph Mattsson-Boze, waseChicago,oyena mfo kwakhe kwalukhuni ukugqobhozela kuye, ngaloonto. Yaye ndiyaqonda ukuba ndinamalunga namathathuokanye amane amawaka abantu beloo zwe endizakubabhaptiza ngoku, ndakufika ngaphaya e-Afrika kunye naye,bezakuphindwa ukubhaptizwa kwakhona.26 Ngoko, sinombulelo ngenxa yokuKhanya kweVangeli. Kengoko ngoku, uYesu wathi, xa Wayelapha emhlabeni, “Mna,oko Ndikuvayo, koko Ndikuthethayo.” Ke ngokundizakuthi^okwale yethu ilandelayo, malunga neshumilemizuzu, okanye ishumi elinesihlanu, nje phambi kokubandithabathe itekisi, ingumxholo omfutshane ke, size ke sibenomgca wokuthandazela. Ndifikelele kwindawo kulungiselelolwam, apho ndi^Ndimelwe kuku_kukuthetha into ethile.Ndaye mna^27 UYesu wayithetha loo nto. Ukuba oko Wakuvayo, kokoWakuthethayo. Waze Wathi, “Ndinibize ngokubaningabahlobo baM, yaye umhlobo ubaxelela yonke intoabahlobo bakhe.”28 UPawulos wathi, kwiZenzo 20:27, “Andikucezelangaukunityela lonke iCebo likaThixo.” Yabona?29 Yaye ndinganga ngenelela ngokuhlwanje, ndithethekwaloo nto kunye naloo mkhonzi wakudala. Ngokonakucokisekileyo ukwazi kwam, andenzanganjalo^Andikucezelanga, koko ndinixelele iCebo elipheleleyolikaThixo.30 Umntu othile wayedlala amakhasethi, ngenye imini.Kwaze kwathi nje ngenxa yokuba yamcaphukisayo umntuothile loo nto, badubula kwaphumela efestileni, benzakalisaloo mfazi.31 Ngoko mhlawumbi ngenye imini ndiyakubutywinaubungqina bam. Kodwa lakufika eloo xesha li^ndikulungeleukuhamba. Kude kufike ixesha lam, akukho ntoiyakundenzakalisa kude kube lelo xesha. Yabona?32 Ngoku, sikholwa kwakuloo Vangeli inye, kanye ngaloondlela ibhalwe ngayo iBhayibhile. Ijoliswe ngokuthe ngqo.Kwaye_Kwaye ukuba umpu ujoliswe ngokuthe ngqongokuchanekileyo, ube ungqamene; ukuba uthe walibethaixhoba ngetyeli lokuqala, uyakulibetha nangelesibini, nangalolonke ixesha.

Page 6: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

6 ILIZWI ELITHETHIWEYO

33 Ukuba umthi, kungenjalo isebe, umdiliya, uthe wavelisaisebe, lize eloo sebe lithwale isiqhamo esithile; kwixeshaelilandelayo u_umdiliya uvelisa isebe, liyakuthwala kwa olohlobo lunye lwesiqhamo.34 Ukuba uYesu unguMdiliya, sibe thina singamasebe; libeiSebe lokuqala, iBandla, owathi loo Mdiliya walivelisa,babhala iNcwadi yeZenzo ngalo. Yaye elaa Sebe lokuqalalabhaptizela eGameni likaYesu Kristu. Yaye babenoThixoophilayo phakathi kwabo, owenza kwa ezo zinto phakathikwabo wazenzayo Yena xa Wayephezu komhlaba. Ngoko ke,abantu babaqaphela, nakubeni babengabantu abangazintoabangafundanga, ukuba babenoYesu, ngokuba uBomi baKhebabuphuma kubo.35 Njengokuba benditshilo, ukuba bendinomoyaka_kaBeethoven ungaphakathi, bendiya kubhala amaculo.Ukuba uBeet-^ukuba mna^Ukuba uBeethoven ebephilangaphakathi kwam, bendiyakuba nguBeethoven. Yabona?36 Ukuba uShakespeare ebephila ngaphakathi kwam,bendiyakuba nguShakespeare. Ndi_Ndingabhala imibongo,ne_ne_nemidlalo yeqonga, njalo njalo, ukuba uShakespeareebephila ngaphakathi kwam.37 Ukuba uKristu uphila ngaphakathi kwam, yimisebenzikaKristu endiyakuyenza. Kunjalo. Kunyanzelekile ukuba kubenjalo. Yintoni ke uKristu? LiLizwi. Wathi, “Ukuba nithenahlala kuM, iLizwi laM likuni, oko nikuthandayo nikucela;kuyakwenziwa.” Ngokuba, iLizwi likho, liswele njeukuKhanya; kwaye ukuKhanya kulenza Liphile.38 Ngoko ngoku ndizakuthetha into kuni, ngoku,endingazanga ndiyithethe lonke eli thuba. Yaye, leyo, yintoebesiyilindele kakhulu ixesha elide kakhulu (isithubaseminyaka emininzi ke, iminyaka emine okanye emihlanu,okanye ithuba elingaphezu koko) aMandla ezinga lesiThathu,ngoku angqinelwe, yaye ndiqinisekile ukuba nonke niyawaziukuba ayintoni na.39 Ngoku ukhumbule, akuyi kubakho kulinganiswa kuwo,kakade akunakubakho. Yabona, akunakubakho. Ngokuakukho nje ngokupheleleyo. Kwaye ndina^Ndiyaliwe ngalento, ukuba kwakutshanje^Kanye ngeli xesha langokuasandula kwenzeka, ukuze abonakalise ubukho bawo phakathikwenu, yabona, kodwa akasayi kusetyenziswa ngendlelaenkulu lide eli Bhunga liqalise ukuziqinisa. Lakwenza njaloke, lakuyenza loo nto^Abenkonzo zikaMoya, njalo njalo,phantse bangalinganisa nantoni na enokwenziwa. Kodwalakufika eloo xesha, kwakufika ukucudiswa, uyakubona kengoko, oko nikubone ngokomzuzwana, kuyakubonakalaliswangokuzalisekileyo emandleni ako. Yabona? Yabona? Yabona?Yabona?

Page 7: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

KHANGELA PHAYA KUYESU 7

40 Ngoku ndinyanzelekile ukuba ndiqhubele phambilingokuvangela. Kanye njengokuba ndandiyalelwe, ekuqaleni,ndimelwe kukuqhubela phambili. Ngoko ke, nibe nalo iLizwi,yaye niyazi ukuba yintoni na emaniyilindele, nendlelaemanime ngayo. Ndimelwe kukuqhubela phambiliekuvangeleni. Kwaye, bahlobo bam, zolani, niqhubelephambili nje, kuba iyure iyasondela ngokuthe chu, yabona,eyaxa kuyakwenziwa into ethile.41 Ngoku, nisenokubona izinto ezithile ezincinaneezingaqhelekanga zisenzeka kum. Ingeyonto isisono;andithethi loo nto. Kodwa, ndithetha, into ethileengaqhelekanga kwinkqubo yesiqhelo. Ngokuba,ndakufikelela kuloo ndawo ngoku, kulungiselelo, ndibuyelaapho emva, ndikhangele kweso sithuba ndilindele eloo thubaukuba ndilisebenzise. Kodwa, liyakusetyenziswa.42 Kwaye wonke umntu uyayazi loo nto, kuba, ngokuqinisekenjengokuba awezinga lokuQala angqinelwayo, ngokunjalonawelesiBini angqinelwa. Yaye ukuba uyakucingisisa ngenene,nina ke ningabomoya. Njengokuba iBhayibhile ithe, “Okukokuya kulowo unengqiqo.” ElesiThathu lingqinelwengokugqibeleleyo. Yabona? Siyazi ukuba liphi na. Ngoko,aMandla ezinga lesiThathu akhona.43 Angcwele kangangoko, ngokokude, ndibe andimelwekuthetha kakhulu ngawo. Njengokuba Wandixelelayoekuqalekeni, esithi, “La ke, ungathethi nto ngawo.”Niyayikhumbula loo nto, kwiminyaka eyadlulayo? [Ibandla,“Amen.”_Mhl.] Ayazithethela. Yabona? Kodwa, nangoko,ndizamile ukuwacacisa amanye la, ndaza ndenza isiphoso. Leiyakuba yeyonanto, eyakuthi, ngokwam ukubona^AndithiyiNkosi endixelela oku. Le iyakuba yinto eyakuqalisa ukhololoXwilo, lokunduluka. Yabona? Yabona? Yaye yona^44 Ndimelwe kukuhlala ndizole okomzuzwana omncinane.Ngoku khumbula, nakwabo baphulaphule ikhasethi,nisenokuyibona inguqu enjalo kulungiselelo lwam khonangoko, ukubuyela umva, ingekuko ukunyuka; ukubuyelaumva. Sikweso sigaba kanye ngoku, yaye akunakwenzeka,alunakubhekela phambili ngaphezu koku. Simelwekukulinda okomzuzu nje kude kwenzeke lento kweli cala,ihlangane, lize ke lifike ixesha. Kodwa, angqinelwengokupheleleyo.45 Kuza ixesha, kwesi sizwe, apho siyakuthi khona esi sizwesisebenzise lonke igunya ebelinalo irhamncwa elingaphambikwaso, eliyiRome yobuhedeni xa ithe yayiRome yoophapha,yabona, sesi sizwe esiyakuyenza loo nto.46 ISityhilelo 13 siyicacisa ngokuphandle loo nto. “Imvanayaphuma emhlabeni. Elinye irhamncwa laphuma emanzini,”ingxinano nezihlwele zabantu. Le mvana yavela apho

Page 8: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

8 ILIZWI ELITHETHIWEYO

kwakungekho bantu khona. Imvana imele unqulo. IMvanakaThixo^Yaye, khumbula, lalithetha njengemvana.Laliyimvana.47 Ke ngoko, emva komzuzwana, liyaku^kwamnkelaigunya, lathetha njengenamba; laze lenza lonke i_irhamncwa,igunya lerhamncwa ebeliphambi kwalo. Inamba yi “Rome,”njalo. Ngoko awuboni? Ihlelo lobuRoma; “Uphawu,” ihlelolobuProtestanti; “umfanekiselo werhamncwa,” esenza igunyaeliya kunyanzela onke amaProtestanti, ibe yinto ebumanyano.Kuyakunyanzeleka ukuba ube kweli Bhunga leeNkonzo,kungenjalo awuyi kuba nandlela yakufumana ubudlelane.Okanye uku^uku^48 Ke, ku_kuyiloo ndlela ngeliphandle khona ngoku.Awunakuya enkonzweni ushumayele ngaphandle kokuba ubeunekhadi lobudlelane okanye isibonakaliso esithile. Ke ngoku,kubantu abanjengathi, siyakunqunyulelwa ngaphandle kwaloonto, ngokupheleleyo, injalo kanye loo nto, kuba abasayi kubanakulwenza.49 Kuyaqina. Ke ngoko lakufika eloo xesha, kufikeingcinezelo ngokokude nicudiselwe ngaphandle, ngoko kezenikhangele loo nto ndizakunixelela yona emizuzwiniembalwa. Ukhangele aMandla ezinga lesiThathu ngoko,yabona, yaye ayakube esiya kwabalahleke ngokupheleleyo,kodwa ibe_ibe ingawoMtshakazi neBandla.50 Ngoku sisondele kunokuba kukhangeleka. Andazi ukubakuyakuba nini na, kodwa ngenene, kusondele ngenene.Ndisenokuba ndakha nje isandlalelo somnye umntu othileukuze eme kuso. Ndisenokuthathwa lingekafiki eloo xesha.Andazi. Yaye eloo xesha lisenokuba kuyo le veki izayo, aphouMoya oyiNgcwele ayakuza ne^ezise uKristu Yesu.Usenokufika kule veki izayo. Usenokufika kananjalongokuhlwanje. Andazi ukuba Uyakufika nini na. Akasixeleliloo nto.51 Kodwa ndiyakholwa, ukuba sisondele kakhulu, ngokokudendibe andisayi kufa ngenxa yokwaluphala. Ukanti,ndinamashumi mahlanu anesine eminyaka ubudala, andisayikuze ndife kukwaluphala, engathanga Abelapha. Yabona?Ngaphandle kokuba ndidutyulwe, ndabulawa, okanye intoethile eyenye, ndabulawa ngandlela ithile, ukwaluphala njekukodwa akusayi kundibulala, engathanga Afike. Yayendiyakholwa yiloo nto.52 Yaye ndifuna ukuthetha oku. Andizange ndakuthethangaphambili. Kodwa ngokweSibhalo, ngokwentoAwayithethayo kumashumi amathathu eminyaka eyadlulayo;kumashumi amathathu eminyaka eyadlulayo phezu komlambophaya, ngowe-1933, gxebe; oko Wakuthethayo, yonke into ibeyechanekileyo kanye. Ndisenokungayenzi, kodwa lo Myalezo

Page 9: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

KHANGELA PHAYA KUYESU 9

uyakwazisa ungenise uYesu Kristu kwihlabathi. Kuba,“Njengokuba uYohane umBhaptizi wathunyelwa ukuzakwandulela ukuza kokuqala, ngokunjalo lo Myalezouyakwandulela uKuza kwesibini.” Njengokuba uYohanewathi, “Nantso iMvana kaThixo ethwala isuse isonosehlabathi.” Yabona? Ngoko, yona, ingqamene naleyongendlela yonke. Yaye ndiyazi ukuba iyakuba njalo, uMyalezouyakuqhubela phambili.53 Ngoku, kubekho izinto ezinkulu ezenzekileyo endleleni.Ngale ntsasa bendinodliwano-ndlebe oluninzi apha phakathiegumbini. Yaye u_umfo oselula, onegama elingu-Audrey,kucacile ukuba uselapha ngokuhlwanje. UngowaseSanAntonio, eTexas. Ubeze kucela ukuba^xa sisiya eDallas,sibuya eCalifornia; ukuba asinakungena na ubusuku bubebunye kumnquba wabo, okobusuku obunye nje. Yayebalindele, kusuku olulandelayo okanye iintsuku ezimbini,ukuba babone ukuba singayenza na loo nto. Yaye ebendixelelamalunga^Andizange ndiye eSan Antonio ukusukela kuloonkonzo yokuqala.54 Ngoku, yinkonzo yokuqala, ukufika kwam eSan Antonio.Ndandilapho, ndiyacinga, noMzalwana Coot kunye_kunye ne-International Bible School. Ndiyalilibala igama leholo enkuluesasiyibambe kulo inkonzo. Ndiyakholwa mhlawumbiyayibubusuku bokuqala bam okanye obesibini, ndiyacingaukuba bubusuku bokuqala, xa ndandihamba ndisiya eqongeni,kwakho umntu owaphakamayo esakhiweni apho, emvakakhulu, wathetha ngeelwimi, ngokungathi kudubula u_umpuongumatshini. Kwathi nje ukuba ahlale phantsi, ngumzuzuomnye okanye emibini, kwaphakama omnye eqongeniwanikezela ngengcaciso.55 Ndaze ndema, ngenxa yaloo nto wayithethayo. Ndathikuloo ndoda, “Uyayazi le ndoda?”

Yathi, “Hayi, mhlekazi.” Yaze yathi^Ndathi, “Uze njani apha?”

56 Yathi, “Abantu endisebenza kubo, bebe^bebelaphangokuhlwanje, ngabo abandizise apha.” Ungu^ungumalusiweenkomo.

Ndaze ndathi, “Wenza ntoni Wena?”57 Yathi, “Uyamazi?” Wathi, “Hayi, mhlekazi. Andizangendimbone.”58 Ndaze ndathi, “Uyintoni wena?” Yabe yonai_ingumrhwebi wasesixekweni.59 Yaye loo nto bayithethayo kwi_kwi^Ngoku, bendihlelindinjalo, ngaphambi kokuba ndibe nokufunda okuthile,ndandinesikrokrwana malunga nokuthetha ngeelwimi;ndandicinga ukuba kunento eninzi yasenyameni, yaye

Page 10: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

10 ILIZWI ELITHETHIWEYO

kusenokuba njalo. Kodwa xa kwathethwayo oku, laa ngcacisongokuchanekileyo yayiyileyo yathethwa yiNgelosi yeNkosiezantsi emlanjeni, kwishumi elinanye leminyaka ngaphambikoko, “Njengokuba uYohane umBhaptizi wayethunyelelweukwandulela ukuza kokuqala kukaKristu, uthunyelelweukwandulela okwesibini wena.” Yabona?60 Yayiyiyo leyo ke, xa loo Ngelosi, okwa kuKhanya kwathikwabonakalaliswa ngokupheleleyo. Kokubini libandla,ngeLizwi, ngenzululwazi, nangayo yonke into, itheyakuqondakalalisa. Okwa kuKhanya, ngetyeli lokuqala Kuvelaesidlangalaleni, kumi kanye phezu kwaloo ndawo ndandikuyo;malunga nentsimbi yesibini emva kwemini, emazantsi kwalaabhulorho iphaya kanye, apha ezantsi ekupheleni kweSitratoiSpring, emanzini. Ngoku, kwakuyeminzi, iminyaka emininzieyadlulayo. Yaye ngokuchanekileyo oko Yakuthethayo,kwenzekile, ngokupheleleyo.61 Lo mzalwana ulapha ebendixelela, ngale ntsasa. Watshataintombazana ephuma kweli bandla, intombi kaDade Noyes.Andazi, ndiyaqonda ukuba loo mfana^Ukhona, MzalwanaAutry? Andazi. Ebevela eSan Antonio. Andazi nokuba ukhonana okanye hayi. Ebelapha ngale ntsasa. Yaye ebendibalisela.Ndiyakholwa ukuba yayingutata omkhulu wakhe, ngaloonkonzo, owayenesithuthwane ubomi bakhe bonke, wazeweziswa apha.62 Yayilityeli lokuQala elo, ukuqalisa ulungiselelo, xa Yathiyathetha oko, ukucalulwa ke yayikukubekwa kwezandla zabophezu kwesam, ukuze ke loo nto ithe yathethwa ibe lolo hlobo.Yaye ndanixelela, kwaye baninzi abangamangqinangokuhlwanje, ukuba kuyakufikelela ekubeni ndazi nkquimfihlelo yentliziyo yabo. Niyayikhumbula loo nto, ngaphambikokuba yenzeke? Malunga nemihlanu okanye iminyakaemithandathu emva koko, yenzeka loo nto; phezulu eCanada,okokuqala kwayo, yaze yenzeka loo nto. Waze Wathi, “Ukubauthe wahlala ekunyanisekeni, iyakuqhubela phambili nje.” Kengoku awesiThathu enzekile, yabona, athe rhoqo ukuqhubelaphambili.

63 Uthe ke utata wakhe wangeniswa emgceni, waxelelwangeso sithuthwane, njalo njalo, wenzelwa umthandazo. Ngokokwakukwiminyaka elishumi elinesithandathu eyadlulayo,ndiyacinga ukuba yiyo, malunga neshumi elinesithandathuokanye ishumi elinesixhenxe eyadlulayo. Yaye uthi akazangeahlaselwe siso ukususela ngoko. Usondele kakhulu kumashumiasibhozo anesihlanu eminyaka ubudala, yaye akazangeahlaselwe ukusukela ngoko. Yintoni na? “NguYesu Kristuisekwanguye izolo, namhlanje, nangonaphakade.”64 Ingaba ukho uMargie Morgan apha endlwini? UDadeMargie Morgan, inenekazi elalidliwe laphela ngumhlaza;

Page 11: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

KHANGELA PHAYA KUYESU 11

umongikazi. Bangaphi abamkhumbulayo uDade Morgan?Ukuba ukho apha, akakwazanga ukungena. Wayeqhubaumsebenzi wokonga. Uyabona, ekuludwe lwabanomhlazaeLouisville, loo mfazi wasweleka kwithuba leshumielinesithandathu, ishumi elinesixhenxe leminyaka, kuludwelwabaphethwe ngumhlaza eLouisville.65 Xa uJim Tom Robertson, igqwetha, igqwethaelinguMkristu, lathi leva ngaloo nto, laya kwisiBhedlelesamaBhaptizi, ukuya kuqonda ukuba kwakunjalo na, kubautata wakhe ukweloo bhunga, labasayinayo kwisibhedlelesamaBhaptizi. Baze basijonga esoo sigulo, wabe loo mfaziemelwe kukuba wafa, kwiminyaka eyadlulayo. Kwaye uqhubaumsebenzi wokonga apha eJeffersonville, esibhedlele. Xawayemi kanye apha, xa kwakunyanzelekile ukuba bambambeeme, engekho nakwingqondo eyeyakhe. Kodwa yayingu-ITSHO INKOSI, kwaye usaphila. Waphindela ekongeni,eLouisville.66 Kwaye kwakukho umfo apha ezantsi, kwindawo yakwa-Schimpff’s Candy. Ingaba uMnumzana Schimpff ulaphangokuhlwanje? Ndingathanda ukuba ibe nguye oyibalisayo,ukuba ukhona apha. USonny Schimpff, indoda enkuluesempilweni. Ngamaxesha amaninzi ndandidla ngoku^67 Andikuthandi ukuyithetha lento, kodwa iyinyaniso. UPopwayedla ngokundinika i-dime ukuba ndisebenze iveki yonke,ndize ke ndize edolophini ndimise ibhayisekile yamngakwindawo kaMzalwana uMike Egan, omnye wabasayinelaizimali apha. Kunye noJimmy Poole, ndiyacinga ukuba unyanawakhe ulapha ngokuhlwanje; uJim kunye nam, no-EarnestFischer, sasiye sihle singene edolophini, siye kungenakumboniso webhanya-bhanya nge-nickel, yaye sasidlangokubukela imifanekiso yakudala emileyo. Sasingabantwana,yaye sasifuna ukwenza loo nto, simalunga nesibhozo, okanyeiminyaka elishumi ubudala. Sasinalaa William S. Hart.Abaninzi bafo abasamkhumbuli, umdlali weqonga wakudala.Imifanekiso emileyo; yaye ndandingakwazi kufunda.Ndandinyanzeleka ukuba ndenze oko kwakuqhubeka.Yayimelwe ke kukuba izicacise, ndandingakwaziukuyihlanganisa ke, kodwa ndandiye ndibukele okowayekwenza.68 Ndandiye ke ndibe ne-nickel eshiyekayo. Bangaphiabakhumbulayo ukuba wawuyifumana i-ice cream coneyepenny? Kulungile. Ndandizifumana zibe ntathu ii-ice creamcone, ne-red hots zeepenny ezimbini. Ndandingakwaziukuzibamba ii-ice cream cone, ngoko ndandizidla zona. Ndizendizifunele iilekese ired hots zeepenny ezimbini, zazisondelakwisiqingatha seponti ubunzima ezoo zinto. Yaye zazisenziwangabakwaSchimpff. Yaye ndandingena apho, ndihlale phayaemva ndibukele uWilliam S. Hart.

Page 12: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

12 ILIZWI ELITHETHIWEYO

69 Lo mfana ke, emdalana kunam, wehliwa sisifo, abathioogqirha abahlanu baseLouisville bamdlula, enobunzimaobumalunga namashumi amane anesihlanu eeponti, wabeesifa. NguNkosikazi Morgan owayemonga. Ekwimeko embi olohlobo! Wayenezinto ezininzi kakhulu; imiphunga yakheyayiphelile, umqala wakhe unikezele. Iingalwana zakhezazimalunga kangaka ubukhulu, wayelele apho ke, esifa.70 Kwaye uNkosikazi Morgan waqeshwa ukuba angene kuloomsebenzi. Waze wathi kuye, “Ndandike ndasisigulanasomhlaza,” waqalisa ukumbalisela.71 Wathi, “Ubusithi ngubani, uBilly Branham? Kuba,” wathi,“Ndamthengisela into eninzi yeelekese iired hots neecones ze-ice-cream.” Wathi, “Ingaba angeza andithandazele?” Ndazendawela ndaya kuthandazela uJunie Schimpff.72 Ke ngoku ukuba ungathanda ukuthetha naye,kukwaSchimpff’s Candy apha ezantsi, kanye ecaleni, okanyekumnyango olandelayo ukusuka kwiTheatre LeRose, xa usihlangesitrato. ISchimpff Candy, nonke apha niyazi ukuba kuphina apho. Bethu, yenye yezona ndawo zindala eJeffersonville.73 Wathi elele apho, esifa, oogqirha babucala abahlanubemnika iiyure ezimbalwa nje anokuziphila. Yaba ngu-ITSHOINKOSI, “Awusayi kufa; koko uyakundithengisela iired hotsiilekese kwakhona, phezu kwetafile yevenkile.” Lide^74 Bendisazi ukuba waphila, kodwa sele ndayilibalayo loonto. Iyinkosikazi kunye nam sehla ukuya kuthenga iilekese,ekufikeni kwethu apha ngexesha leKrismesi. Ukubabekutheni na, andazi, kwenzeka sacinga ngabakwaSchimpff.Kakade, esiqhelweni, siye sijikele ngapha kwivenkileyamachiza sizifumane, kodwa siye sema phambikwakwaSchimpff.75 Ndathi ndakungena, udade wabo wajonga, waze wathi,“Kwalunga, Mzalwana Branham.” Wathi, “UyamkhumbulauJunie?”76 Ndathi, “Ewe.” Wabe elapho, emkhulu kakhulu, omelele,umfo okhangeleka esempilweni.77 Ndahamba ndajikela ngaphaya kwekhawuntala,ndakhangela, ndakhangela kanje. Ndathi, “Ndizakuthathaiponti yezoored hots.”78 Waze wathi, “Ewe, mhlekazi.” Ngoko, udade wabowayelindele inkosikazi yam. Kwaye, ngoko, wazikhupha.79 Ndaze ndathi, “Ndandidla ngokuzitya, kudala kakhulu,ngaphaya kumboniso wemifanekiso”; ndiyijongise phantsiintloko yam njalo.

Waze wathi, “Ewe,” wathi, “Baninzi abantwanaabazithengayo.” “Basazithenga,” ndatsho.

Page 13: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

KHANGELA PHAYA KUYESU 13

Wathi, “Ngutata owazenzayo, owenza loo mxube.” Ndathi,“Ndiyazithanda kanene.”80 Ngoku, emva kokuba wazilungisayo zonke wazinikelakum, wathi, “Ingaba ikho enye into?”

Ndaze ndathi, “Andazi,” ndaze ndaphakamisa intloko.Owu, bethu!

Wathi, “Mzalwana Branham!”81 Ndathi, “Nazi ezaa red hots, zona, ndakuxelelayo, ndathi,‘ITSHO INKOSI,’ malunga neminyaka emihlanu eyadlulayo.”82 Wathi, “Mzalwana Branham, ndiphiliswe ngokupheleleyokakhulu, akukho nokuchaphazeleka okunye. Kunzima njekancinane ukuva kwindlebe enye.” Ndiyakholwa ukubaukumashumi amahlanu. Wathi, “Kunzima nje kancinaneukuva ngenye indlebe, kuba bandinika amachiza okunqandaukonakala kwezihlunu ngokuya ndandiphaya.” Ubabaloolumangalisayo lukaYesu Kristu!83 Ngoku andisenaxesha lininzi ngoku lokuthetha enye into,kodwa ndi_ndi_ndifuna ukwenza le ngxelo.84 Bangaphi abakhumbulayo malunga noonomatse abahlalaemithini? [Ibandla lithi, “Amen.”_Mhl.] Kulungile. YabasiSibhalo esididayo eso, ebomini bam, e_endandingazangendibe nakuyiqonda loo nto.85 Kwakukho nesinye esasindidida, eso kwakuxa uMoseswayenokuxelela uThixo indlela engcono kunokuba wayeyaziuThixo yokwenza into, xa uMoses wathi, “Abantu bathi,‘UThixo wakho ubenako ukusikhupha, kodwa akanakoukukugcina,’” waze uMoses waziphosa kweso sikhewusiphakathi. Ndaze emva koko ndayifumanisa loo nto, uMoses,yayinguKristu lowo engaphakathi kuMoses, emele abantu.Yabona?86 Ngoko ke kwesi iSibhalo, ndingazange ndishumayelengaso, “Ukuba uthe kule ntaba, ‘Funquleka.’” Niyalazi ke elobali, ngoko ndizakuliqakatha. Ngoku, ndandingazinto keukuba oko kukhokelela enini na. Yaye ndiyacinga ukubauMzalwana Woods noMzalwana Fred, nabanye, bakhona kulendlu, ababekho ekwenzekeni kwaloo nto, kungenjalo kanyeemva kokuba yenzekile apho.87 NoMzalwana uRodney noMzalwana Charlie, abavelaezantsi eKentucky, nomntakobo Dade Wood nabanyeababekho ekwenzekeni kwaloo nto ezantsi eKentucky,eyayilityeli lesibini isenzeka. Ukuthetha nje okulula intoibekho, izinto ezazingekho. Yabona? Ukuthetha, lonke ixesha,nokusekela ngeZibhalo, ukukhuthaza.88 Ityeli lesithathu ivela yayinguHattie Wright. IngabauHattie ukhona ngokuhlwanje? Ngoka-Edith^Bangaphi

Page 14: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

14 ILIZWI ELITHETHIWEYO

abamaziyo uHattie Wright? UMzalwana Woods nam sasihleliapho ekwenzekeni kwayo, xa uMoya oyiNgcwele wathi,“Mnike oko akufunayo,” yaye sasithetha malunga naloo nto,indlela abathi ngayo bakho aboo nomatse bengaveli ndawo.89 Ndaze ndathi, “Yiyo, inye into ekuyiyo, YenaunguJehovah-Jireh. Kanye ngethuba awayeswele ngalo imvueliduna u-Abraham, uThixo wambonelela ngaloo mvu iliduna.Yaye nguYe obonelele ngoonomatse basemithini. Unakoukuthetha unomatse abekhona nje, ngokuba Ungumdali, kanyengendlela enye nale yokuba Wayenokuthetha imvu ibekho. U-Abraham akazange ayicele. Wayeza kuyenza nje ngokulula loonto, kodwa oko kwabonisa ukuba uJehovah-Jireh wayekhoapho.”90 Ndathi ndakutsho, umfazi omncinane othobekileyo^Kwityeli lokuqala kwakhe kwenzeka oku, aMandla ezingalesiThathu, phambi komntu, yayingomncinane, umfaziothobekileyo.91 Yena, owayesebenzela malunga namakhulu amabinieedollar ngonyaka, ekuphileni kwakhe, yayiyiloo nto kuphelaayifumanayo kwifama yakhe encinane. Umyeni wakhewayeswelekile; enabantwana ababini abathanda ukujikababezindlobongela. Waze weza wanikela ngamashumi amabinieedollar kuyo, ekwakhiweni kwalo Mnquba. Wabe uMedaendinike imali ngaloo ntsasa ukuthenga ezidliwayozasendlwini, amashumi amabini eedollar,ndandizakuyibuyisela kuye ke ngaloo ntsasa, xa ndandilaphoezantsi, ukuze abenako ukuyihlawula. Kodwa wayengavumiukuyithabatha. Kwaze kwathi^92 Wayehleli phaya emva ekoneni, ndaze ndathi ndakuthi,“Inye into endiyaziyo, kukuthi, Yena usenguJehovah-Jireh.”93 Waze uHattie omncinane wathetha ilizwi elililo. Wathi,“YiNyaniso yodwa leyo.”94 Wathi akutsho, uMzalwana Banks Woods lo ngomnyeowayekho, lavakala ngokungathi lahluka ngaphakathi eloogumbi. Waze wathi uMoya oyiNgcwele, kwa eloo Zwilathethayo malunga noonomatse, wathi, “Mnike okoakucelayo.”95 Ndaze ndathi, “Dade Hattie, njengengqina phambikoThixo, yiyo le. Ngoku, ukuba kukho ukuthandabuzaokuthile engqondweni yakho, ungacela loo nto ufunaukuyicela, yaye ukuba ayibekwanga phezu kwakho, ngokondingumprofeti wobuxoki.”96 Wathi, “Mzalwana Branham.” Wonke umntu wayelila.Wathi, “Ndizakucela ntoni?”97 Ndathi, “Ulihlwempu, yaye uhlala phezu kwendulingaphaya, ungenamali; usenokucela loo nto. Unomncinane,

Page 15: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

KHANGELA PHAYA KUYESU 15

udade wenu osisilima ohleli apha, u-Edith, ebesimthandazela,iminyaka emininzi; usenokucela impiliso yakhe.” Ndathi,“Utata nomama wakho badala baphukile ngokwasempilweni;usenokucelela bona. Nokuba yintoni na oyicelayo, DadeHattie, ubone ngoku ukuba iyenzeka na okanye hayi, khonangoku.” Ndaze ndathi, “Usandula kundixelela, eloo Zwi linye,wathi, ‘Mnike oko akucelayo.’”98 Waze wabheka-bheka, wathi, “Ndizakuthini, MzalwanaBranham?”99 Ndathi, “Thetha loo nto uyiyo umnqweno wakho. Cingangowona mnqweno uphambili, uwuthethe.”100 Amakhwenkwe akhe ke ayegigitheka ehleka nokuhleka.Waze wathi, “Owona mnqweno wam mkhulu ndinawokukusindiswa koonyana bam ababini.”101 Ndathi, “Ndikunika bona eGameni likaYesu Kristu,” naboke besiya.102 Yaye behleli bethembekile kweli bandla, emthendelekweni,abo bafo bancinane behleli apho behlambana iinyawonamadoda, nezinto ezinjalo. Sisonke singamangqina aloo nto.103 Wazikhethela eyona nto ixabisekileyo. Umamaunyanzelekile ukuba afe, ngokunjalo naye, bebonke. Kodwainto awayicelayo iyakuba nguNaphakade, yaye lusindisolwabantwana bakhe. Yayikokwesithathu isenzeka loo nto.104 Okwesine isenzeka, bendisandula kukucacisa aphakwityeli lokugqibela ndilapha, kwakuphezu kwentaba aphokwakuvuthuza khona esaa sitshingitshane seliqhwa. Bangaphiabayikhumbulayo loo nto? [Ibandla lithi, “Amen.”_Mhl.] Oo,nini nonke. Kulungile. Apho kwakuvuthuza khonaisitshingitshane seliqhwa. UThixo nguMgwebi wam ke ndimiapha, ndandisihla entabeni xa^105 UDavid Wood, ukho apha ndaweni ithile, ndiyaqonda,owandenzela iqebengwana, labe lilelimnandi! Ndiyacingaukuba wayezama ukulingana nam ngeliya ndandilenzele utatawakhe, kwiminyaka embalwa eyadlulayo. Wayene-bologna,ne_nenyama nayo yonke into ixutyiwe. Ndaze ndafakaehempeni yam, yabe isina, laze lasuka nje lasisixa esikhulusentlama.106 Ndandisihla intaba ke. Kwakugqutheza isitshingitshane,ndandingaboni nesandla sam phambi kwam, kunzima. Yayendiyazi, inye into, ukuba ukhe wajika, kuba laa moyauyavuthuza.

Ngoku akho amangqina apha, kuloo nto.107 Omnye wawo ngomnye wamadikoni ethu athembekileyo,onguMzalwana Wheeler. Ukhona, Mzalwana Wheeler? Uphiapho akhoyo? Ewe, nguye lo, uMzalwana Wheeler.

Page 16: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

16 ILIZWI ELITHETHIWEYO

108 UMzalwana Mann, umshumayeli womWisile waseNewAlbany. Ingaba yena, uMzalwana Mann, ukho ngokuhlwanje?Andazi nokuba ukhona na okanye hayi.109 UMzalwana Banks Woods. Ingaba ukho, Mzalwana Banks?Uphaya kwigumbi lokushicilela. Kulungile. No_NoDavidWoods.110 Yaye uMzalwana Evans wayekho, ndiyakholwa. Ingabakunjalo, Mzalwana Evans? UMzalwana Evans, lo wayamengodonga, wayekho.111 Nendlela abathi ngayo basasaza kwiintsuku, kwiintsukuezimbini phambi koko, “Isitshingitshane seliqhwaesinamandla sasilitshayela ilizwe.”112 UMzalwana Tom Simpson ulapha ngokuhlwanje. Awathiesihla ephuma eCanada, bamcela ukuba ayiphephe loo ndawongenxa yokuba wayengayi kuba nakuphumela, “Kwakuzakufika iliqhwa lesitshingitshane.” Mzalwana Tom, ingabaukhona? Uphi? Nanku, ehleli kanye apha.

Nango ke amafu enyuka. Ndaze ndathi, “Bazalwana^”113 Wonke umntu wangxama waphuma. Kwakungekho mntuapho ngaphandle, kwikhulu elinento lamadoda awayelaphophandle, kwakungasekho mntu ulapho ngaphandle kweqelanalethu nabalusi beenkomi, abakhwela amahashe. Kwaye sasizakuhlala.114 Ndatsalela umnxeba uDade Evans, ndamcela ukubaatsalele inkosikazi ayixelele ukuba ixelele uTony, “Ukubaukuba andibanga nakuphuma, aze afune omnye umntuonokubamba isidlo sakusasa saMadoda angooSomashishini.”115 Yaye phezulu entabeni ngaloo_ngaloo mini, ndathi,“Ngoku xa yona, imvula encinane nje yokuqala, okanyenantoni na, balekela enkampini.” Ndathi, “Kwelishumi okanyeimizuzu elishumi elinesihlanu awunako nokubona izandlazakho phambi kwakho, kwesinye sezo zitshingitshanezoqhwithelo, yaye sigalela amashumi amabini eenyawozekhephu ngomzuzwana nje, phezu kwentaba.”116 Yiloo ndlela ke abathi ngayo abantu, nakhe nayifundaephepheni, indlela abaye bathi ngayo phaya ngaphandlebatshabalale, nayo yonke into. Kodwa sasiyazi thina indlelayokuphuma, yaye kwakusaziwa ukuba sasindawoni na, ngokoke saziva sikhokeleleka ekubeni sihlale.117 Ke apho phezulu entabeni, sakuqalisa esoo sitshingitshane,ndaqalisa ukuhla. Ndandimalunga nesiqingatha semayileukusuka apho ndandiqale khona, laze iZwi likaThixo lathi,“Jika ubuyele emva.”118 Ndaze ndabuyela emva njengoko Wandixelelayo, emvakokulinda umzuzwana ndisidla eloo qebengwana uDavidwayendiphe lona, ndaze ndabuyela phezulu ndahlala phantsi.

Page 17: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

KHANGELA PHAYA KUYESU 17

119 Ndathi ndisahleli apho, loo moya ujikeleza uvuthuza,iincopho zemithi zigobele ecaleni, kubhabha intshizanenekhephu kanjeya, iZwi lathi, “NdinguThixo wendalo.”120 Ndakhangela phezulu ndacinga, “Iphi loo nto?Yayingumoya lowo, mhlawumbi.”121 Wathi, “Ndadala amazulu nomhlaba. Ndayizolisa imimoyaenamandla phezu kweelwandle,” waqhubela phambili ethetha.

Ndaxhuma ndema ngeenyawo ndathula umnqwazi wam.122 Waze Wathi, “Thetha nje nesoo sitshingitshane seliqhwa,saye siyakupheza. Nantoni na oyithethileyo, kuyakwenzekayona.”123 Ndaze ndathi, “Sitshingitshane soqhwithelo, pheza wena.Ukuze, langa, wena ukhanye ngokuqhelekileyo iintsukuzibene, side siphume simnke apha.”124 Kwathi nje ukuba ndithethe loo nto, loo ntshizane,ikhephu nayo yonke into yema. Ngomzuzwana kungenjaloemibini, ilanga elishushu lalihlabe emqolo kum. Ndayibonaimimoya ivuthuza ngolu hlobo iphuma eMantla, isihla^Ndithetha ukusuka eMpuma, isihla ivela ngaseMpuma.Yayivela ngaseNtshona; imimoya yaguquka yabuyelangasemva kweli cala. Aze amafu, ngokwento ethileyommangaliso, enyuka engena emoyeni, ilanga lalikhanyakwimizuzu embalwa.125 Emva koko iNkosi uYesu yathetha nam emva kokokancinane, malunga nenkosikazi yam eyayiphaya ezantsi,njengoko nisazi, malunga nendawo endandinyuke ndaya kuyoapho. Andikhange ndibe sekhaya ngemini yesikhumbuzo,kwaye simalunga namashumi amabini anesibini eminyakasitshatile. Kwisikhumbuzo sokuqala, okokuqala, umtshatowethu, kuba, ndayithabatha ndaya kuhambo lokuya kuzingela.Kakade, ndandingenako ukuphumelela ekuthabatheni uhambolokuya kuzingela, ndaze_ndaze_ndaze ndaya kwiholideyasemva komtshato, kananjalo, ngoko nda_ndababuzidibanisa. Yaye ke, ngoko, ndihleli ndizingela ukusukelangoko. Yaye ndeva kungathi yindlela endiyenzele ububelengayo leyo.

Ngoku, yayilityeli lesithathu kusenzeka oko.126 Ngoku nantsi into e_endifuna ukuyithetha, yaye ndimelwekukuxela inyaniso ngokuchanekileyo. Malunga neshumielinesithandathu leminyaka eyadlulayo ndandiseCalifornianoMzalwana uJohn Sharrit, yaye ndandiqhuba inkonzo.UMeda kunye nam, noMzalwana Sharrit noDade Sharrit,nabanye, sasihlala kwihotele ethile. Indoda ebizwa ngokubanguPaul Melkian, ebimi kanye apha kulo Mnquba amaxeshaamaninzi; ngum-Armenia osisityebi. Inkosikazi yayoyafumanela umntwana phezulu eFresno, eCalifornia, apho

Page 18: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

18 ILIZWI ELITHETHIWEYO

babehlala khona; yayilapho ezantsi ke, yezisa inkosikazi yayo,yandibiza apho ehotele, yathi, “Ndingayinyusa ndize nayoinkosikazi yam, Mzalwana Branham?”

Ndathi, “Ewe, ungenza njalo.” Ngosuku olulandelayo,ndandisiya eCatalina.127 Ngoko yeza nenkosikazi yayo yayinyusa, yaye eloonenekazana laligula kakhulu! Lakhangela ke^Ndathi, “Bekaisandla phezu kwesam, Dade Melkian,” ndathi, “sibone ukubaiNkosi iyakusixelela na.” Kwathi nje ukuba ibeke isandla sayophezu kwesam, ndathi, “Oo, ngumlenze odumbileyo.”

Wathi, “Akubonakali ndineempawu konke.”128 Ndathi, “Uze ukhangele.” Ngeentsuku ezimbini,babemnyangela ukudumba komlenze.”129 NjengoJimmy Poole omncinane lo, usana lwakhe oluncinane.Ngenye imini wangena enokuhlaselwa yintliziyo, babecingaukuba kuko, yabe iyimeko yokuhlasela kwesifuba. Ndabekaisandla sam kwesakhe. Ndathi, “Mjongeni iintsuku ezimbalwa;unemasisi. Iyenyuka. Ngumkhuhlane.” Ndihlangene nayephezolo. Uthi ivelile, kuyo yonke indawo, yimasisi. Yabona?130 Ngoku, ndandithetha noDade Melkian, ngesandla. Wathi,“Yinto emangalisayo leyo, ukukhangela kuloo nto, MzalwanaBranham.” Wathi, “Isebenza kuso sonke isandla loo nto?”131 Ndathi, “Kokulungileyo, ukuba kukho into engalungangakumguli.” Ndathi, “Ngoku apha, ndizakubeka isandla samngaphezulu,” abaninzi benu bakhe bema bayijonga, yabeingasebenzi. Ndathi, “Apha, akukho nto imbi kwinkosikaziyam, beka isandla sayo^”132 “Khangela apha, sthandwa, beka isandla sakho kwesam.”Ihleli phaya, inkosikazi yam. Yabeka isandla sayo phezukwesam. Kwathi nje ukuba yenze njalo, ndathi, “Unegqithikwicala lasekunxele lesibeleko. Unayo ingxaki yobufazi.”

Waze wathi, “Akukho nto yahlukileyo ndiyivayo.”133 Ndathi, “Kodwa unayo.” UBecky wayeneminyaka emibiniubudala. Intombi yam le ibisandula ukukhalisa umculo,emzuzwini odlulileyo, yayineminyaka emibini ubudala.134 Kwiminyaka emibini engaphezu kwaleyo, kwathi gqiuSarah, kwaze kwathi^Yena ke wafunyanwa ngoqhaqho.Ndaze ndacela uGqirha Dillman, ugqirha wethu ophayaezantsi e_eCorydon, ukuze, “Xa uthe wamvula, uze ujongekwela cala lasekunxele lesibeleko,” waze wenza njalo.

Wathi, “Akukho nto ingalunganga, ndiyibonileyo.”Ndabeka isandla sam; yabe isekho.135 Kwiminyaka emine emva koko kwavela uJoseph.Ndamcela ukuba akhangele kwakhona. “Kwabe kungekho ntoingalunganga, njengoko ndabonayo.” Ndabeka isandla sam;yabe isekho. Ngoko sasuka nje sayilibala loo nto.

Page 19: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

KHANGELA PHAYA KUYESU 19

136 Ngoku le yinto endinyanzelekileyo ukuba ndiyithethe.Andikuthandi ukuyithetha, kodwa imelwe nje ukuba yenzeinyaniso, yabona, yaye yiloo nto eniswele yona. Xela inyanisonjalo, kungabi namsebenzi nokuba kwenzeka ntoni na.

Kwadlula iminyaka, asizanga siyiqaphele loo nto.137 Yaye lento ndiyithetha, hayi ngenxa yokuba ehleli phaya,kuba ndiyayithetha naxa angekhoyo. Yaye niyayazi loo nto.Andikholwa ukuba ibinokubakho inkosikazi engconoehlabathini kunenkosikazi yam, yaye ndiyathemba ukubaiyakuhlala ilelo hlobo. Yaye ndifuna ukuba ngumyeniothembekileyo, yaye ndiyathemba ukuba bonke abafanaabakulendlu, bakutshata, bayakufumana inkosikazi efananenkosikazi yam. Andazi ukuba iyakuba lixesha elidekangakanani na sihleli ngolo hlobo, kodwa ndiyathembaukuba iyakuba zizo zonke iintsuku zethu emhlabeni. Sibengabonwabe kakhulu sikunye. UThixo nguye owandixelelaukuba nditshate yona.138 Ngeloo xesha, yona ingazi, ndandizama ukubandingatshati yona; hayi ngenxa ndandingayithandi, kodwangenxa yokuba ndandingacingi ukuba ndakuba nakoukuyenzela izinto ebomini. Kwaye yayingumfazi olungileyo,ndaye mna ndandingakulungelanga oko.139 Waze waphuma waya kuthandaza, wavula iBhayibhile.Qashela ke^Wathi, “Nkosi, andizange ndiyenze lentongaphambili, kodwa ndinike iSibhalo esizakundinceda. Ukubandimelwe kukumlibala, kunyanzelekile ukuba ndiyilibale loonto.” Yavula iBhayibhile^140 Yayiphumele ngaphandle kwishedi encinane ithandaza.Yathi yakuvula iBhayibhile, “NguMalaki 4. Yabonani,Ndiyakuthumela kuni u-Eliya umprofeti ingekafiki i^”Ngoko kwaku_kwakumalunga namashumi amabini anentoeminyaka eyadlulayo, ingazinto malunga nolungiselelo lwalomhla. Kwaye ndandi^kwakungenakuba^141 Ndandingqengqe phantsi phezu komlambo phaya. WazeWandivusa_ndivusa, ngobunye ubusuku, ndaze ndaMva emiphaya ngasemnyango. Wathi, “Hamba uye kumthatha,umtshato wenu ke uyakuba ngalo-Oktobha uzayo,ngowamashumi amabini anesithathu.” Yiloo nto kanye keendayenzayo. Yaye siye sahlala ngokonwaba. NgobabalolukaThixo, asizange sibe nalo nelizwi elinye. Ibe sisithandwa.142 Ndangena ngenye imini. Yaye bekunyanzelekile ukubaikhulise aba bantwana iyodwa; mna ndimnkilendisekushumayeleni. Ababaninzanga abafazi abanokumelananaloo nto; niyayazi loo nto, bangangqashalala. Ndazendangena, yaye yayithethe into ethile okanye enye.SasinoJoseph phaya emva, kwaye yena u^Uyinkwenkwe kengenene! Yaye uncedisile ukufaka iinwele ezingwevu

Page 20: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

20 ILIZWI ELITHETHIWEYO

kwintloko kamama wakhe, njengokuba nam ndenzile.Wayeyinkwenkwe ke nje ngokupheleleyo, yaye wayenze intoembi kakhulu. Ndaze ndathi kuye^Wathi kum, “Bill,msebenze.”

Ndathi, “Andiziva ndinako nje ukuyenza loo nto.” Yabona?143 Waze wathi, “Ewe, ukuba bekunyanzelekile ukuba uhlalenaloo nto,” walingomba kanye ebusweni kum ucango.144 “Ke,” ndacinga, “kulungile ke. Usizana oluncincibelungazimisele kuyenza loo nto.”145 Ndaphuma nje ndahlamba imoto yam. Ndathindakuphumela apho, uMoya oyiNgcwele akazange ayithandeloo nto; Wathi, “Hamba uye kumxelela,” ndiyakholwa ukubaikwiziKronike zesiBini, isahluko sama-22. Ndandingazange.Ndacinga, kuqala, ukuba ndiyiqikelela nje loo nto.Ndaqhubela phambili ngokuhlamba waze Wathi, “Hamba uyekumxelela ukuba afunde le ndawo.”146 Ndaze ndangena ndathabatha iBhayibhile, ndayifunda.Kwakulapho uMo-^okanye uMirriam, umprofetikazi, wathiwahlekisa ngomntakwabo, uMoses, ngenxa yokutshata intombiyomTopiya, waze uThixo akayithanda loo nto. Waze Wathi,“Ngekungcono ukuba uyise wayemtshicele ebusweni,kunokuba_kunokuba e_enze loo nto.”147 Ngoko, uMirriam wangenwa liqhenqa, kuyo yonke indawo.Ngokunjalo no-Aron weza, waxelela udadewabo,wathi^okanye wayeza kuxelela umntakwabo, wathi, “Uyafa,liqhenqa.”148 UMoses ke wabaleka waya kumcelela uxolo,esibingelelweni. Wathi akwenza njalo, iNtsika yoMlilo yehla,uThixo. Wathi, “Hamba uye kumbiza kunye no-Aron, uze naboapha.” No-Aron wayephakathi, okwakhe. Ngoko Wathi,“Babize beze apha.”149 Wathi, “Ukuba kukho othile phakathi kwenu,” uThixoethetha nabo ngoku, “ongowomoya, okanye umprofeti, MnandiyakuZazisa kuye. Ndiyakuthetha naye ngemiboni,ndiZityhile kuye ngamaphupha, ndize_ndize ndityhileamaphupha, nezinto ezinjalo.” Wathi, “Kodwa kumkhonziwaM, uMoses, akakho onjengaye emhlabeni.” Wathi,“Ndithetha naye ngomlebe ukuya endlebeni.” Wathi,“Beningamoyiki uThixo?” Yabona, uThixo akazange ayithandeloo nto.150 Ke, ndabaleka ndakubona loo nto, ndangena.Wayekwelinye igumbi ke. Ndankqonkqoza elucangweni.Wayezivingcele apho. Ndamxelela ukuba ndifuna ukuthethanaye. Ndaze ndangena apho ndathetha naye, ndazamaukumxelela ukuba kwakuyintoni na oko. Ndathi, “Sthandwa,uyazi ukuba ndikuthanda kangakanani na, kodwa uThixo

Page 21: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

KHANGELA PHAYA KUYESU 21

akayithandanga loo nto. Ubungamelwanga kukuba uyithethelaa nto.” Kwaze kwangoko emva koko, wangenelwa yingxakikwicala lakhe.151 Samthabatha samsa kugqirha apha eLouisville, uGqirhaArthur Schoen, waze wafumanisa ukuba kukho ithumbaelihlumayo kwicala lasekunxele lesibeleko, endathindalifumanisa kwishumi elinesihlanu okanye ishumielinesithandathu leminyaka ngaphambi koko. “Igqithielihlumayo kwicala lasekunxele lesibeleko, lingangenqobaubukhulu.”

Ndathi, “Kuthiweni ngalo, gqirha?”152 Wathi, “Masibone ukuba kuyakwenzeka ntoni na. Uzeumzise kwakhona kwiinyanga ezimbalwa, malunga neenyangaezimbini okanye into enjalo.”153 Sambuyisela apho. Lalikhulile, ekubeni ngange-walnutinqoba langange-lamuni ubukhulu. Wathi, “Kungconoliphume; ukuba lithe lathamba lijike lonakale.”154 Ndaze ndathi, “Kulungile, bethu,” ndathi, “si_siyaeTucson. INkosi indithume ngaphandle eTucson.”155 Wamthumela emantla kugqirha oyingcaphephekwabasetyhini; wayengafuni ibekwezakhe izandla loo nto.Ngoko kunokuba wamxelela malunga nolungiselelo lwam,kuba yena^Loo gqirha uyingcaphephe kwabasetyhini wathi,“Linyanzelekile ukuba liphume.” Ngoko wathi^Samxelelaukuba sasisiya e_eTucson. Wathi, “Kulungile, ndinayeoyingcaphephe olapho, umhlobo wam olungileyo. Ndandikadendihlala eTucson.” Wathi, “Ndizakumthumela kuye.”156 Wabhala iphetshana walithumela kuye, wathi,“UNkosikazi Branham linenekazi elilungileyo,” waqhubekangoloo hlobo. Wathi^Wathumela umzobo wokuba lalilikhulukangakanani na eloo gqithi, njalo njalo. Lalijike yalithumbaelikhulayo ngoko; wathi likhulu kangangoko lalingako. Wathi,“Ndiyazi^” Uyazi, wayesazi ukuba yena^Ndicinga ukubawayecinga, wayendibiza ngokuba ndingu “Mphilisi ongcwele.”Yiloo ndlela kuphela awayeyazi anokuyibeka ngayo. Kodwawathi, “Ndivumile ukuba_ukuba likhutshwe, kwayekunyanzelekile ukuba likhutshwe. Ukuba limelwekukukhutshwa, likhuphe.”157 Kodwa yayikukuvavanywa kokholo lwethu. Sahlalasithandaza. Kwaze okukhona sithandazayo, yakokukhonalikhula lisiba likhulu ithumba, lade lafikelela ekubeni libe yintoethe phuhlu ecaleni kuye. Sathula; abambalwa kubantu balaphababeyazi loo nto; sizama ukubona ukuba kuza kwenzeka ntonina. Laqhubela phambili ngokuqhubela phambili.

Ekugqibeleni, ndathi ndakuhla ndivela eCanada, ukusukaapho ndandishiye khona^

Page 22: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

22 ILIZWI ELITHETHIWEYO

158 INkosi yandenza ukuba ndikhokelele esaa sizwesamaNdiya kuKristu. Ndiyaphindela ukuya kuwabhaptiza,eGameni leNkosi uYesu, kule Ntwasahlobo, iNkosi ithandile.159 Ngoku, ndehla, yabe ilixesha layo lokuba ihambe, xandandiseNew York^okanye ezantsi apha ukuya kufumanaolunye uqha-^ukuya kufumana uqhaqho, okanye ukuyakuxilongwa okokugqibela. Ndahamba mna ndaya eNew York.Ndathi ukubuya kwam, ndegqitha apha, ndaze ndenyuka^Emva kokuba ndandiqhube inkonzo apha, inkonzo yokugqibela,ndenyuka ndaya apho ndayibizela kwaMzalwana Wood.160 Waze wathi, “Bill, andinako nokunyamezela impahla yamukuba ilichukumise.” Lalithe gqi kangaya ecaleni kuye ngoko.Umlenze wakhe uphezulu kwelaa cala, wayeqhwalela nje,eyona veki imbi wakhe wayifumana. Ngoku uhleli apha,undiphulaphule. Eyona veki imbi wakhe wayifumana. Wazewathi, “Ndinyanzelekile ukuba ndiye, ngoms’omnye, ndiyekokuya kuxilongwa.”161 Ndacinga, “Owu Thixo, ukuba bathe balisika, loo ntoiyakusithintela ekugodukeni ngeKrismesi, yaye sendibaxeleleabantu ukuba ndizakubakho.” Ndaze ndathi, “Elinje lonaixesha! Owu, bethu!” Ndacinga.162 “Mandimxelele, ukuba uzakwenza uqhaqho, kulungile,‘Malenziwe kwithutyana elidana, kude kube semvakweKrismesi.’”163 Ndaze ke ndacinga, “Lisenokonakala libole.” Lize libuyeleapha ngemva, uyazi, yinto embi leyo, lihle liye kungenaezintsweni. Ukuba lithe ngqo, laze labola lonakala,liyakukubulala. Ngoko ndacinga, “Ndingenza ntoni?”

Waza uMeda wathi, “Kulungile, ngoku, uze unditsalele,”watsho.164 Usuku endaya kufika ngalo eShreveport, suku ololwaluyakuba semva kolo, ndakufika eShreveport, kwafunekaukuba aye kuxilongwa. Ngoko waya ku^UNkosikaziNorman wayeza kuya kuDade Norman; nonke niyamazi, ababantu bahamba apha eMnqubeni. Wayehamba kunye naye,baya ke kule ngcaphephe waze wathi, “Khawuhlale ufumaneubusuku bokuqala, e_e^uze ubuye.” Kuba, umahluko,ziiyure ezimbini kwixesha. “Uze unditsalele umnxeba kewakubuya, emva kwenkonzo, ndiyakukuxelela ukubandimelwe kukwenza ntoni na.”

Ngoko, ndaqhubela phambili.165 Ngentsasa elandelayo ke, phambi kokuba ndihambe,ndandiza kuya kulanda uBilly noLoyce. Bobabini bahlelibakho. Yaye njalo^166 Sinesitulo eside esidala apho esasisiqukunjelelwenguMzalwana Palmer, kungekudala apha, yaye siye sihlangane

Page 23: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

KHANGELA PHAYA KUYESU 23

ngakweso situlo sithandaze, nanini na si^Owu, i-Ottoman,enjalo, uyazi, isitulo senyawo. Nanini na sifika aphosithandaze, xa ndisiya enkonzweni, sicele uThixo ukubaasincede.167 Ndandilapho ke phezulu, iintsukwana, ndayendandi_ndandinxubile. Indlu; abantwana bemnkile, nayeengekho. Uyazi, abaninzi kuni bayazi ukuba kwanyanzelekandingene kuloo nto ngaxesha lithile, ukubuyela kwindlu eze;kuphela, ndayingcwaba laa nkosikazi, uHope. Ke ngokuseyiphinda kwakhona. Ndaze ndehla, ndacinga, “Ke, ndizakuthandaza ndize ndiye kulayisha uBilly noLoyce, sizesinyuke.”168 Ngoko ndaguqa ukuze ndithandaze, ndathi, “Nkosi,ndiyabakhumbula ngale ntsasa, xa ndilapha.” Ndathi,“NdiyaKuthandaza ukuba ubancede ubasikelele. Sangasingabuyela kule ndawo kwakhona. Ukuze ngoku,” ndathi,“baphaya ngaphandle ngenxa yokuba Wena undithume aphondinombono, waze Wawuzalisekisa. Ngoku ndifuna ukulinda,ndibone ukuba Uyakundixelela ntoni na ukuba ndiyenzengokulandelayo.” Ndathi, “Ndithandazela ukuba^Yibanenceba kuye.” Ndaze ndathi, “Ndincede kule nkonzo iphayaezantsi.” Ndaze ndathi gqolo^Ndathi, “Nkosi musaukulivumela libole. Yenza ukuba laa gqirha alinde kude kubengolokuqala enyakeni, ukuze alikhuphe. Ndi_Ndikuthiyile njeukumbona e^”169 Ndathi, “Nkosi, wayengazimiselanga kulaa nto wayenzangalaa ntsasa. Wayengazimiselanga kuloo nto.” Ndathi, “Nkosi,akukho nexesha elinye awakhe wanalo nelizwi elinye malunganokuba mna ndisiya ezinkonzweni, ndihlale iinyanga, okanyenokuba yintoni na ekwakuyiyo. Akukho nexesha elinye awakhewawuvula umlomo wakhe malunga naloo nto. Ubehlalaeyithumela impahla yam kubacoci, azihlambe iihempe zam, enzeyonke into ibe sele ilungile ukulungiselela ukuya enkonzweni.Ngoko, uyafuna ukuba angamkhonza kanjani na uThixo.”170 Nina bafazi, ngendlela enikhonza ngayo abayeni benu,nikhonza uThixo, kakade.171 “Ke ngoku, ndandisithi ndakungena, ndidinwe ndiphelile,abantu bevela kuzo zonke iindawo. Kwakufuneka ndiphumelengaphandle kwindawo ethile kuhambo lokuya kuloba, okanyeuhambo lokuya kuzingela. Kuba, abafazi abaninzibabenokubhabhazela ngeloo xesha. Wenzani yena? Athabatheiimpahla zam zokuzingela andilungiselele ukuba ndihambe;andivumele ndihambe.” Ndathi, “Nkosi, ebengazimiselangakuloo nto.” Ndaze ndathi, “Kuye kwanyanzeleka ukubaasikwe kathathu, ngenxa yokuba ebeleka ngoqhaqho.” Ndazendathi mna^ “Nkosi, ndi_ndiyithiyile eyokubona emelwekukwenziwa loo nto kwakhona.”

Page 24: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

24 ILIZWI ELITHETHIWEYO

172 Kwathi kanye ngeloo xesha ndeva into ethile kweloogumbi. Ndakhangela phezulu. IZwi lathi, “Yima ngeenyawo.”Lathi, “Ngoku nantoni na othe wayithetha, iyakuba lolohlobo.”173 Ndalinda umzuzu nje. Ndathi, “Ngaphambi kokubasimchukumise isandla sikagqirha, isandla sikaThixosiyakulisusa eloo thumba, lize lingabi safunyanwa.”174 Kwaba kuphelele njalo, kum. Andizange ndimtsalelemnxeba. Sahamba nje ngokuqhelekileyo, ndaya ndathabathauBilly noLoyce, saya eShreveport.175 Ngobusuku obulandelayo ndamtsalela umnxeba.Wayonwabile. Wathi, “Bill, ndifuna ukukuxelela into!”176 Ngoku nguye lowa, yaye angayingqina lento.Kwakunyanzelekile ukuba aqhwalele ajikele; waya kungenaegumbini kunye nomongikazi noNkosikazi Norman, anxibeimpahla yakhe elungiselela^idyasi yokuvuka, elungiselelaukuxilongwa. Waphuma ugqirha, kunzima nokuba aqabeleetafileni; ithumba lijinga apho, lilikhulu kakhulu. Waze wathiaku^Ugqirha wangena wathetha naye. Waze wajikela, ukuzeasuse ishiti eza kumchukumisa, yaye, nje phambi kokubaamchukumise, lemnka.177 Yaye ugqirha wayengalazi nokuba leliphi na icalaelalikulo. Wathi, “Khanime!” Enemizobo ezotyiweyo nayoyonke imifanekiso, nayo yonke enye into, akafumana nomzilawalo. Wamxilonga, wamphindaphinda. Wathi,“Ndisenokungabi nako ukuyicacisa, kodwa, NkosikaziBranham, elaa thumba alikho phaya.” Yaye akazange abenalonophawu lwalo, ukusukela ngoko.178 Yintoni na? Qaphela, kanye njengokuba Latshoyo,“Ngaphambi kokuba isandla sikagqirha silichukumise.”Ngesiqingatha somzuzwana, yaye isandla sakhengesalichukumisayo. Ligqibelele ngokunjalo iLizwi leNkosi!179 Ngoku, nantsiya inkosikazi yam, yaye sobabini siphambikoThixo. Kodwa ngaphambi kokuba isandla sikagqirha sibesaba nokuwuchukumisa umzimba wakhe, endleleni eya kuyekanjeya, kwabakho into eyenzekayo, ithumba lemnka. Kwayeabazange babe, wa_wathi^Ndiyakholwa ukuba kwakunjalo,kwakungenjalo, sthandwa? “Ndifuna ukukuqinisekisakwakhona, Nkosikazi Branham,” ingaba kunjalo, yindlelaawayithetha ngayo leyo? Kunjalo (“ukuba elaa thumba alikho.)Awusenathumba.”180 Yayiyintoni? Ngokuchanekileyo ngokweLizwi leNkosi, leyoyayiyi^?^Amen. Lityeli lesihlanu elo. Isihlanu linanilobabalo, linani lokholo f-a-i-t-h, kananjalo.181 Akusekho kuthandabuza engqondweni yam. Ndiyaziukuba ayintoni na aMandla ezinga lesiThathu, ndaye ndiyazi

Page 25: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

KHANGELA PHAYA KUYESU 25

ukuba enza ntoni na. Ngoku yibani nentlonelo, hlalani nithecwaka, iyure iyakufika kwamsinyane apho uThixo ayakwenzaizinto ezinkulu phakathi kwenu.

Ngoku masithobe iintloko zethu sifumane ilizwilomthandazo.182 Nkosi Yesu, ndiyibonile kwabanye abantu, kodwakwakufika kwinkosikazi yam ethandekayo, yayikwikhaya lam,ngoko, Nkosi. Ndandilikhangele ngawam amehlo, ndalivangezam izandla. Kwaye ndi^isihla-^sithandathuseminyaka ngaphambi koko, kwakunjalo, Nkosi, yaziwayatyhilwa nguWe. Xa kuthethwe nantoni na, inyanzelekileukuba yenziwe. Wawundibonisa, Nkosi, ngoko, ukuba,ukukholosa kwam koko Wena ukwenzele abantu, uze wenzeukuba ndikwazi, khon’uze ndibancede. Wayenza yenzekakwikhaya lam kanye. YayingaMandla ezinga lokuQala lawo.Ke ngoku aMandla ezinga lesiThathu angqinele aMandlaezinga lokuQala.183 Sinombulelo, Bawo. Sixolele ngokusilela kwethu.Singabantu abancinci. Asifundanga, kusondele kuloo nto,abantu abangenamfundo. Kodwa sinombulelo kakhulu ngenxayokuba sinoThixo owongamele konke Osilondolozileyoesikhathalele, kuba asazi ukuba masizikhathalele kanjani na.Sizinikela kuWe.184 Ngoku, Bawo, ndiyathandaza ukuba Undincede. Yaye kulaMandla ezinga lesiThathu, kwanga, Owu Nkosi, njengokubaubuthetha kum kwiminyaka embalwa edlulileyo ngaloo nto,uyibonakalisa phezu kwe^uphawula ngeentaba, njalo njalo,uyinyusela phezulu. Ngoku, bendikhangele ukuze ndiboneukuba yintoni na yade yangqinelwa ngokupheleleyo. Ngokundiyathandaza, Bawo, ukuba Undincede ukuze ndibenentlonipho ngakumbi, ngalento, kunokuba bekunjalongaphambili, yaye Wanga ungafumana uzuko. Njengokuba,kanye ngapha kwale pulpit, apho awezinga lokuQala athethwakhona, aweleSibini, ke ngoku ngawelesiThathu, yaye okoUkuthethileyo kwenzekile ngokuchanekileyo ikokoWakuthethayo. Siyakholwa kuWe, Nkosi Thixo.185 Sincede sonke ngabanye ukuze silahle kude konkeukungakholwa kwethu neenkolo, ukuze sibe nokuma kuBukhobukaThixo ophilileyo, sisazi ukuba, kwaloo Thixo mnyewathabatha eloo thumba lesuka kwinkosikazi yam ehleli aphaikho ngoku; ingqinelwe loo nto ngezinye zezona ziphezuluiinzululwazi zethu zezamachiza esinazo kweli lizwe,ezayixilongayo, zaze zaphinda zajonga, zenza umfanekisowayo; ibe ngoku ingasekho. UnguThixo Wena yaye akukhowumbi ngaphandle kwaKho.186 Yaye siyaKuthanda ngokuba Usenze_Usenzesangabakhonzi baKho. Sanga ke singaKukhonza ngentlonipho

Page 26: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

26 ILIZWI ELITHETHIWEYO

nembeko, yonke imihla yobomi bethu. Siphe oko, Nkosi.Ndanga ndinganako, nosapho lwam, nabo bonke aba bantu,sibe nokuba ziZibane ezikhanyayo, ityuwa enesongo eyakuthii-^dale unxano kwabanye, ukuze bamthande lo Yesuusenzele okungaka.187 Ngoku njengoko ndivula iLizwi, ukuze ndiLifundeukwenzela umxholo omncinane, ndize ke ndithandazeleabagulayo, ndincede Nkosi. Thetha nathi, uphilise abagulayo,sithandaza eGameni likaYesu. Amen.188 Aningekhe, ndinexeshana nje lee^[Ibandla lithi,“Amen.”_Mhl.] Ukuba ndithe ndangxama ngokukhawulezakakhulu^kumxholo othile apha, ndifuna ukuba nifundengoku, okanye niphawule, nokuba yintoni na eninqwenelaukuyenza. Esokuqala sifumaneka kwiNcwadi yeNumeri, 21:5ukuya 19, yaye sifuna uku_ukufunda oku.

Bathetha abantu ngoThixo, nangoMoses bathi,“Yhini na ukuba nisinyuse eYiphutha size kufelaentlango? ngokuba tu isonka, tu namanzi; umphefumlowethu ukruqukile sesi sonka sinkatshu-nkatshu,ukudla kweeNgelosi.

UYEHOVA wathuma iinyoka ezinobuhlunguebantwini, zabaluma abantu; kwafa abantu abaninzibakwaSirayeli. Ngoko uYehova^

Beza abantu kuMoses bathi,^189 Ukuvuma isono! Khangela, “Sonile!” Yabona, yintoyokuqala ukuze uphiliswe, ukuvuma isono kuqala.

^Sonile, ngokuba sithethe ngoYEHOVA, nangawe;thandaza kuYEHOVA, azisuse kuthi iinyoka ezo.Wabathandazela ke uMoses abantu.

Wathi uYehova kuMoses, Zenzele inyokaenobuhlungu, uyixhome esibondeni eside: kothi, ko_kothi, bonke abo balunyiweyo, bakukhangela kuyo,baphile.

Wenza ke uMoses inyoka yobhedu, wayixhomaesibondeni eside, kwathi, yakuba ithe inyokayamluma umntu, waza wabheka enyokeni yobhedu,waphila.

190 Ngoku, kananjalo, ndinqwenela ukufunda iSibhaloesiphuma kuZekariya, isahluko se-12, ivesi ye-10.

Ndothululela phezu kwendlu kaDavide, naphezukwabemi baseYerusalem, umoya wokubabalanowokutarhuzisa: babheke kum mna bamhlabileyoamahlanza, bambambazele, njengokumbambazelelwakozelwe wamnye, babe krakra ngenxa yakhe,njengokrakra ngenxa yamazibulo akhe.

Page 27: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

KHANGELA PHAYA KUYESU 27

191 Ngoku ukwenza itekisi, ndiza kuthabatha le: KhangelaniPhaya kuYesu. Khangelani kude nehlabathi, kuYesu. UMoseswenza inyoka; kwakho apha umprofeti, emva koko,wayethetha ngayo, ukuba kwakuya kwenzeka ntoni na,khangelani lee ku_kuYesu.192 IBhayibhile itshilo, ku-Isaya 45:22. Sifumanisa ukubauThixo wathi, “Mazikhangele kuM, zonke iziphelozehlabathi.” Kwaye ngoku xa ihlabathi lifikelele kwisiphelosalo, okanye inkqubo yehlabathi ifikelele kwisiphelo sayo,abantu mabakhangele kuYe.193 Ngoku usenokuthi, “Sayiva lento, isizukulwana emvakwesinye. Kudala siyiva lento.” Yinyaniso leyo, kudalaishunyayelwa. Abalungiseleli abaninzi bathabatha kwalomxholo, amawaka abo.194 Kodwa nantsi into endifuna ukukucela ngayo,ngokuhlwanje, okwale mizuzwana ilandelayo. Kodwawakukhangela, umbuzo ku_kukuba ubona ntoniwakukhangela? Ubona ntoni xa uthe wakhangela? Loo ntoixhomekeka kuphela ekubeni ukhangela ntoni na. Yabona?Ngoku Wathi, “Mazikhangele kuM, zonke iziphelo zehlabathi.UMoses wayiphakamisela phezulu inyoka, yaye, wonke othewakhangela, wayephila. Ngoku, kuxhomekeka ekubeni yintonina oyifunayo.195 Ndakhe ndababona abantu bengena phakathi enkonzweni,ngalo mhla wokugqibela, bafumane nje ukuhlala enkonzweniisithuba somzuzu omnye okanye emibini. Ibe yiloo nto kuphelaabanokuyinyamezela. Yabona, abakwazi kuyinyamezela.196 Andinakuze ndilibale, ndiyathemba ukuba lento ayizikwayama mntu uvela e-Iowa, xa ndandinenkonzo eWaterloo.197 UMzalwana Lee Vayle, ebehleli apha ngale ntsasa. Andazinokuba ukhona na ngokuhlwanje okanye hayi. Ukhona, Lee?Ebelapha ngale ntsasa. Ewe, uphaya emva ekushicileleni,phaya emva. Kulungile.198 UMzalwana Lee kunye nam senza konke esasinokukwenza.Wade wapha umanyano lwabalungiseleli isidlo sakusasa,ngesisa, esenzela nje ukuze behle sithethe nabo. UMzalwanaLee Vayle, kakade, usisifundiswa no_noGqirha wobuNgcwele,yaye ngenene wasisebenzela ukuze asifumane isidanga sakhe.Ngoko ke ndazama ukuba ibenguye othethayo phambikwamaLuthere, amaPresbhithari, njalo njalo, kodwa wathi,“Hayi, bakhangele kuwe ukuba ibe nguwe othethayo.”199 Ke, ndehla ndathabatha umxholo wam, phambi kwababalungiseleli, emva kokuba begqibile ukudla. Ndathabathaitekisi: Andibanga Nguye Ongawululameliyo UmbonoWaseMazulwini. Ndathi nje ukuba ndigqibe ukufunda esooSibhalo, malunga nesibini sajonga, naso siphuma ngomnyango.

Page 28: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

28 ILIZWI ELITHETHIWEYO

Ngoko ndaqalisa ukuthi, “NjengoPawulos ngomhla wakhe,enentshumayelo engaqhelekanga, ke ngoku umi phambi ko-Agripa wathi wayengenguye ongawululameliyo,” malunganesibini okanye isithathu esisesinye saphakama. Kwathi kubalixesha lokuba ndifikelele ekuthetheni into malunga naloomxholo, kwabe kusele nje malunga nesithathu okanye isineesasihleli apho. Bonke babephakame bemnka.200 Isizathu soko, sesi, nasi. Abanye bayeza enkonzweni, bathibakuva ngomvangeli othile, indlela anxibe ngayo inentoyokwenza ebantwini. Ukuba akanxibi uhlobo olululolwempahla, abanye babo^201 Ndakhe ndeva i_inkcuba buchopho isithi, ngenye imini;uGqirha Narramore, indoda elungileyo, indoda enguMkristu,inkqubo yakhe ikwi-KAIR, phaya lonke ixesha. Wathi,“Indlela onokumqaphela ngayo umntu xa elahlekwayingqondo yakhe, kuxa anganxibi ngokufanele isimo sakhe.”Uyazi, ngendlela amelwe kukuvela eyiyo esidlangalaleni, lowongumqondiso wokuba ulahlekwa yingqondo.202 Ke, ngoko, oko ndaphambanayo ubomi bam bonke ngoko,yabona, kuba ndinxiba i-avalolo nayo yonke into, yabona.Ngoko, ukuze ndifanele isikhundla sam, ndimelwe kukubanjengomfundisi, ngamanye amazwi, ukuze_ukuze ndibengumfundisi.203 Andicingi ukuba uYesu wanxiba ngokomfundisi. Wanxibanjengomntu nje oqhelekileyo. Wahamba phakathi kwabantu,yaye yayingekokunxiba into ebalulekileyo.204 Kodwa loo nto, yabona, yindlela eziyiyo iimbono zomntu.Ayi^Bekunokuthini ukuba le ndoda, okanye, andazi ukubaugqirha ebeya kucinga ntoni na ngalento, xa umprofetieBhayibhileni wayalelwa ukuba kukhululwe impahla yakheahambe ze phambi kwabantu? Ngewayephambene ngenene,bekungayi kuba njalo ngoku? Kodwa uThixo wamxelela ukubamakenze loo nto.205 Omnye kwafuneka ukuba angqengqe ngecala amakhuluamathathu anesine^Iinyanga, ndiyakholwa yayizizo, elelengecala, ngecala elinye; aze aguqukele ngaphaya kwelinyeicala. Adle imbiza yeembotyi ayenzileyo apho; kunyanzelekeukuba abilise lento ebeyenzile, ayizamise, adle yona lonke elooxesha; olule ingalo azalise isandla adle, angqengqe ngecala,esenzela umqondiso. Yabona?206 Owu, indlela abemnka ngayo abantu, kwelenene, iLizwilikaThixo. Babangabafunde kangangokuba bazifundisebemnke kuThixo. Xa umntu ethetha ngokuba unemfundo,ndiyazi ukuba loo nto kukuchaza nje indlela akude ngayokuThixo; yabona, isidanga sobugqirha. Andiyithethingokuchasene noGqirha Vayle lento, kuba akalulo olo hloboyena. Kodwa, esiqhelweni, xa indoda ifumene isidanga

Page 29: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

KHANGELA PHAYA KUYESU 29

sobugqirha, loo nto ithetha nje ukuthi, kum, ukude kangayakuThixo, yabona, ngaphandle kokuba unokuzibophelelakwiLizwi nakuThixo.207 Ngoku, sifumanisa ukuba abanye bezela ukuva indlelaothetha ngayo, xa bezokukhangela. Wakuthetha ngempilisoeNgcwele nangeNkosi; ukuba umntu akangowodidi, inkcuba-buchopho efundileyo, abantu abamelani nokummamelaesebenzisa amazwi anjengoo “his’n, hin’t,” na_namanyeamazwi anjalo^Bathi nje^Abangekhe. Bacinga ukuba loonto ikude lee kuThixo.208 Ngeli thuba uYesu wathetha ulwimi olulula kangaka,ngokokude, namhlanje, lube ludide iinjingalwazi, kuba zizamaukulitolika ngokwezemfundo nangolwimi lwaloo mihla, lubelona lwalululwimi lwasesitratweni. Ngoko ke^209 Kuba, mkhulu kangako umahluko nalapha kule-UnitedStates yethu! Ndatsalela umnxeba eFlorida, eNew York, ukuzendizise umfazi othile apha, kananjalo, eSaint Louise, ukuzakutolika phakathi kwentombazana yasemazantsinentombazana yasemantla. Ungako ke umahluko owawukho.Yabona? Ngokuqinisekileyo.210 Ngoku yiyo le ke eyona nto, kukuba abantu bafuna ezoozinto, iintetho, endaweni yeLizwi. ILizwi xa libonakalaliswalibubungqina bokuba Linyanisile. Yabona, iLizwilibonakalalisiwe! Abasokuze bakhangele loo Nto ke. Kufunekabenokuqonda okungokwengqondo, ukuze bazi, bafumane izikolemfundo bafunde ukuba kuqhutywa njani na, kumiwa njanina kwindawo enye, nayo yonke loo nto. Owu, loo ntoingamtsarha umfundisi, afe, ozaliswe ngenene ngoMoyaoyiNgcwele. Yabona? Ngoku, bubungqondi obo.211 Yiloo ndlela ke esi sizwe siphela esinayo. Sinokumqondangokwengqondo uKristu. Nantso ke into abakhangela yona.“Ke ukuba uKristu ungaphakathi kwakho, umelwe kukubaube sisifundiswa, umelwe kukuba ube yingqondi,” kubanantso into abacinga ukuba uyiyo uKristu.212 Yaye ngelinye ixesha, enye into, babumba iingcinga zabozokuba Umelwe ukuba yintoni na, iimbono eyeyabo, endaweniyokuthabatha oko kuthethwe liLizwi. Nantso indlelaabakhangela ngayo, baze bambone nkqu noYesu ngokwaKhe,bayasilela ukuMqaphela. Bayenza loo nto ngoMhlawePentekoste. Bayenza loo nto xa Wayesesenyameni. Bayenzaxa Wayesesitalini. Bayenza xa Wayekwizitrato zaseJerusalem.Bayenza loo nto xa Wayesemnqamlezweni. Wabe Yenaeyinzaliseko yeloo Lizwi. Ukanti, nangoko, babenentokaMesiya ohla ngomjelo ephuma eZulwini, nayo yonke enyeinto, yabe iyinto engekhoyo, ngokuba yayikukuqonda kwabongobungqondi. Baze bakuphosa ukuMbona, kwaye,babekhangele kuYe kanye. Kunjalo namhlanje!

Page 30: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

30 ILIZWI ELITHETHIWEYO

213 Ubona ntoni wakukhangela? Abanye bayajonga ukuzebabone, bakukhangela kuYe, bakhangele ukubona umseki-bandla omkhulu oyingqondi, umntu othile onokuthi ngeneneavelise umgaqo oyakubangela ukuba bonke abantu bawuwelelo mgaqo, into ethile eyenye. Nantso into abakhangela yona xabebona Yena.214 Abanye bakhangela ukubona intsomi enjengoSanta Claus,bakukhangela. Bayayifunda iBhayibhile, baze bathi, “Eeh,yinto eyintsomi le. Yinto nje eyabhalwa ngumntu. Nantso into,bona, kuba bona ba^” Imbono oyithabathayo malunganeBhayibhile, yiloo nto oyithabatha malunga naYe. Yabona?215 Abanye bakhangela ukuze babone usana. Abanyebakhangela ukuze babone u_umvundla okanye uSanta Claus.Abanye bakhangela ukuze babone incwadi yezembali eyayikhoizolo ingekho namhlanje.

Kodwa, umbuzo ngulo, ubona ntoni wakukhangela wena?216 Baninzi kakhulu, ababanga ukuba banoMoya oyiNgcwele,abakhangela ukuze babone isiqu sesibini somtriniti. Ngeli thuba,ingakhange ichatshazelwe nokuchatshazelwa eBhayibhileni loonto. Ayikho into enjalo. Igama umtriniti alikho nokubakhongaphakathi kwiziciko zeBhayibhile. Kodwa, nangoko, xaukhangela kuYesu, uMbalela ekuthini sisiqu sesithathu okanyeisiqu sesibini somtriniti, naso isizathu sokuba ungafiki ndawo.217 Uyazi ukuba wathini Yena? “NdinguThixo, yaye akukhowumbi ngaphandle kwaM.” Yabona?218 Kuxhomekeka ekubeni ukhangele phi na. Ukuba ufunaukubeka inkwenkwe encinane engumthunywa, ixhego elidalaelinentshebe, njalo njalo; ukuba yiloo ndlela okhangela ngayouYesu ngokungathi ngumntu owahlukileyo kuThixo,ukhangela ngendlela engeyiyo. AwuYiboni.219 Apha kungekudala kwithuba elidlulileyo,ndandineendondo zasemadlelweni. Ndandizama ukukhangelainyamakazi ethile njengexhama, kungenjalo ixhama ngaphayaedlelweni. Unyana wam ke wayezama ukundibonisa, kwayeyena uselula kakhulu. Ngoko wathi, “Thabatha ezoo ndondo,tata! Naliya ixhama limile, kanye phaya!”

Ndathi, “Ndizakulibona ngamehlo la wam.”Wathi, “Thabatha iindondo.”

220 Ndathi ndakujonga, ndabona malunga neshumilamaxhama, kanti iindondo zazingajoliswanga kakuhle.Ndathi ndakuzifaka ekujoliseni okukuko, lonke eloo shumilaba yinto enye.221 Kwaye ukuba uyakujolisa ingqondo yakho kwiLizwilikaThixo, abo bathathu bayakuba ngoMnye. Yabona? Kodwaiindondo zezakwalizwi zikukhupha ekujoliseni okukuko xauzama ukuMenza abe sisithathu. Mnye Yena. Yabona?

Page 31: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

KHANGELA PHAYA KUYESU 31

222 Kodwa kuxhomekeka ekubeni ukhangele entweni na.Ubona ntoni wakujonga? Khumbula, ungaMbona kuphela xauMjonge ngeLizwi. Awunako ukujonga kuYe ngencwadiyemithetho. Awunako ukujonga kuYe ngomgaqo. Uyakubonaoothixo ababini okanye abathathu, nayo yonke enye into,kuloo migaqo. Kodwa khangela kuYe ngeLizwi, yayeuyakubona ukuba Yena ungu “Imanuweli, ‘UThixo enathi.’”Wathi, “NdinguThixo, ngaphandle kwaM akukho wumbi.”Yena unguThixo.

223 U-Isaya wakhangela ngaxesha lithile, umprofeti, wathiakubona uYesu^Umxholo wam ngulo, “khangela kuYesu.”Khangela Ngaphaya KuYesu. Xa u-Isaya wakhangela phayakude kunehlabathi, ukuze abone Yena, wathi, “NdibonauMcebisi, uMthetheli woXolo, uThixo oliGorha, uSonini-Nanini.” Nantso into awathi u-Isaya wakhangela kudewayibona.

224 UDaniyeli, ngaxesha lithile, wayemi xa wathi wabonai_isiphelo sezikumkani zeNtlanga. Wabona loo mfanekisowawuphutshwe nguNebhukadinetsare. Wabona indlelaowawusithi ngayo omnye wandulele omnye, ekuhleni kwayo.Wathi akukhangela ekubeni kwakuza kwenzeka ntoni naesiphelweni, xa wabona uYesu, waye ‘liLitye elathwebukaentabeni, kungengazandla,” elacumza izikumkani zeeNtlanga.

225 UNebhukadinetsare wajulela abantwana abathathubamaHebhere kwiziko lomlilo, ababekholwa kuThixo bemekwiLizwi laKhe. Ukuba babemelwe kukuLifela, babezakuma,nakanjani na; into nje encinane, yokugoba idolo ngenyeindlela. Kodwa wathi akukhangela kude lee wabona uYesu,waye ‘yindoda yesine’” eyayisezikweni lomlilo, yaze yagcinabonke ubushushu bukude kubakhonzi baYo abathobelayo.Nantso into eyabonwa nguNebhukadinetsare.

226 UHezekile wakhangela phaya ukuze abone Yena ngenyeimini, wabe Yena e ‘liVili eliphakathi kwivili,’ liphayaphezulu esizikithini sesibhaka-bhaka. WayenguMphakathiwevili, apho zonke izilanda zibotshelelwe khona. Amen! Ivilielikhulu libaleka ngokholo, kodwa iVili elincinane lalijikangaMandla weNkosi. Nanko owabonwa nguHezekileakukhangela kude.

227 UYohane umBhaptizi wakhangela kude ngenye imini,kwaye, akwenza njalo, wabona iHobe; neZwi, lisithi, “LonguNyana waM Oyintanda eNdikholisiweyo kukuhlala kuYe.”Nantso into awayibonayo. Ngoko, wabona uYesu noThixobenguMntu omnye, kuba uMoya wehla uphuma eZulwiniunjengeHobe, usithi, “Lo nguNyana waM oyintandaeNdikholisiweyo kukuhlala kuYe.” Nantso into awayibonayo.Qaphela, uZiqondakalalisa ngaloo ndlela.

Page 32: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

32 ILIZWI ELITHETHIWEYO

228 UNowa, wathi akukhangela kude ukuze abone Yena,uNowa wabona nje imigwebo kaThixo isihla phezu kwabantubeli hlabathi ababelalile iLizwi laKhe. Nantso into eyathethwanguNowa akukhangela kude.229 UMoses wathi akukhangela kude, wabona ityholo lisitsha.INtsika yoMlilo yayiZibuyisele etyholweni, kwaye, xa uMoseswasondela kufutshane kuyo, Yathi, “Khulula iimbadadazaKho, kuba, “NDINGUYE.” Ngoku, ukuba ungalilinganisaelo gama, “NDINGUYE,” lilixesha elidlulileyo, ixesha elimiyo,nexesha elizayo. “NDINGUYE.” Ngonaphakade! Yabona?“NDINGUYE,” wabona u “NDINGUYE.” Nantso intoawayibonayo kwityholo elivuthayo.230 USirayeli wakhangela kwinyoka yobhedu eyayenziwenguMoses, baze babona uKristu ebulaleka ngumgwebo ngenxayabagulayo, kuba siyazi ukuba inyoka yayithethangeNtlawulelo.231 YayinguYesu loo Ntlawulelo. “Njengokuba uMoseswayiphakamisayo inyoka yobhedu entlango, umelwekukuphakanyiswa ngokunjalo uNyana womntu,” kwangenxayeso sizathu. Yabona? Kuba? Babonile, baze bagula; loo ntoyayiyekususa izono zabo nezifo zabo. Yaye kungoko, “uYesuwahlatywa ngenxa yezikreqo zethu; saphiliswa ngemivumboyaKhe.” Ukuba ususe impiliso eNgcwele kuKristu, ucandephakathi iNtlawulelo, yakubini. Yabona?232 Ubona ntoni kuYe wakukhangela? Uyayibona loo nto?Uyayibona eyokuba, “Wahlatywa ngenxa yezikreqo zethu;saphiliswa ngemivumbo yaKhe”? Wakukhangela phaya kude,uyayibona loo nto, okanye ubona nje icala elinye leNtlawulelo?Ingaba ubona macala omabini ayo wakujonga?

Ukuba ujonga kuyo ngomgaqo, bayakukuxelela bathi,“Iintsuku zemimangaliso zidlule.”

Kodwa ukuba uyijonga ngeLizwi, uyakubona ukuba,“Isekwanguye izolo, namhlanje, nangonaphakade.” ’Yabona?233 Abadisipile bakhangela kuYe xa babesengxakini elwandle,baze babona uncedo ekuphela kwalo olwalunokubanceda,lusiza.234 UMarta wakhangela kuYe ngexesha lokufa, waze wabonaukuba Yena “Wayeluvuko noBomi.” Amen! Ngexesha lokufa,uMarta wabona, akukhangela kuYe^Wayaliwe ngabantubakowabo; wayejongelwe ethotyelwe phantsi; naye,wayethumele kuYe, Waze akeza kumntakwabo. Kodwa wathiAkufika ekugqibeleni, naxa wathi wawa phantsi ukuzeabenokukhangela kuYe, wafumanisa ukuba Wayekukokokubini “uvuko noBomi.” Amen!235 UYayiro wenza kwaloo nto, ikholwa ngokufihlakeleyo;umRhabe omncinane, umWisile, umBhaptizi, wayekholwa

Page 33: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

KHANGELA PHAYA KUYESU 33

ngenene, kodwa wayengakwazi ukuba kufutshane, ngenxayokuba ihlelo lenkonzo yakhe lalingayi kumvumela, ngenxayokuba wayeya kukhutshelwa ngaphandle. Kodwa intombiyakhe ekuphela kwayo yayilele ikwincam yokufa,kwanyanzeleka ke ukuba aye. Kodwa wathi akuMfumana,wafumanisa ukuba Wayeluvuko noBomi.236 Wathi akuthumela kuYe, ngomntu obalekayo, esithi,“Musa ukuzikhathaza Nkosi, kuba intombi seyifile.” Yena^Intliziywana yakhe yayise iphantse yema.”237 Kodwa Wathi, “Anditshongo na kuwe ukuba, ‘Ukubaunokukholwa, uyakulubona uZuko lukaThixo’?” UYayirowafumanisa ukuba Wayenako ukuvusa abafileyo, akukhangelakuYesu.238 Abalambileyo bakhangela kuYe, baze bafumana ukudlakokuxhasa ubomi. Yayikokwenyama oko. Abalambileyo,ngokomoya, bangakhangela kuYe bafumanise ukuba UsiSonkasoBomi.239 Isela elalisifa lakhangela ukuze libone ukuba lalinokubonantoni na, laze lafumana, kuYesu, uxolelo lwalo. “Uzeundikhumbule, Nkosi, xa Usiza useBukumkanini baKho.”UYesu wathi, “Namhlanje uyakuba naM eParadesi.” Nantsointo elayibonayo kwiyure yalo yokufa kwalo.240 Abagulayo bakhangela kuYe, baze babona uMphilisi.Iimfama zakhangela, zaba nokubona.

Kuxhomekeka ekubeni yintoni na okhangele kuyo ngoku.Yintoni ofuna yona?241 UPetros noNataniyeli bakhangela, baze babona iLizwilesithembiso somprofeti wabo, uMoses, sibonakalalisiwe.“INkosi uThixo uyakuvelisa uMprofeti onjengam nje, yayebayakubambelela kuYe abantu. Bonke ke abangakholwayokuYe, bamve loo Mprofeti, bayakunqanyulwa ebantwini.”242 Naxa wathi uPetros wenyuka waya kungena kuBukhobaKhe, uYesu wathi, “Igama lakho unguSimon, yayeungunyana kaYona.” Wazi khona ngoko, akukhangela ityelilokuqala kuYesu, ukuba yayiyinzaliseko yoko iLizwi likaThixolathi Uyakuba kuko. Amen.243 Ingaba wena wafumanisa kwaloo nto wakukhangela kuYengetyeli lokuqala? Ingaba iLizwi ledinga laZibonakalalisakuwe wakukhangela kuYe?244 UNataniyeli, wathi nje ukuba angene kuBukho bukaYesu,intwanana yokuthandabuza^Sifumanisa ukuba nguFiliphuowayeye kumbiza, “Yiza, ubone Lowo simfumeneyo.”

Waze uNataniyeli weza, wathi, “Nguwuphi Yena?”Wathi, “Ngulowa uphaya phezulu uthandazela

abagulayo.”

Page 34: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

34 ILIZWI ELITHETHIWEYO

245 Wazinyakathisa wade wafumana ukuMjongela kufutshane.Wathi akukhangela, uYesu wathi, “Nanko umSirayeli inyanisoekungekho nkohliso kuye.” [UMzalwana Branham uqhwabaizandla kabini_Mhl.]

Wathi yena, “Rabi, Undazi nini na?”246 Wathi, “Ngaphambi kokuba uFiliphu akubize, ngokuyaubuphantsi komthi, bendikubona.”247 Wafumanisa ntoni ke ngoko uNataniyeli? Wafumanisaukuba yayinguKumkani kaSirayeli lowo. Wathi, “WenaunguNyana kaThixo. UnguKumkani kaSirayeli.” Nantso intoawayibonayo akukhangela. Wafumana ingcaciso yeSibhalo,loo nto yezisa ukukhanya kuye. Wazibona, ikwaseso Sibhalosasithethwe nguMoses umprofeti othanjisiweyo esithi,“Uyakunivelisela uMprofeti onjengam nje.”248 Umfazi owayesequleni, wakhe wakhangela ngathubalithile, wabona ntoni yena? Wayivakalisa esixekweni. Wathi,“Yizani, nibone uMntu Ondixelele izinto endizenzileyo.Ayingebi nguMesiya kanye na lo?” Wathi akuqala njeukujonga kuYesu Kristu, wabona uMesiya.249 Abantu bakhangela kwakuloo nto inye namhlanje, bazebaYibize ngokuba “lufundo lwengqondo ngobuqhinga.”Bayibiza ngokuba iyi “Ikukunqulwa kwemimoya.” BaYibizangalo naluphi na uhlobo lwegama lomtyholi abanokuYibizangalo, ngokuba abayazi eyona nto bafuna yona. Amen.Abaqondi. Bakhangela umgaqo. Bakhangela inkcuba-buchopho yokungenisa ibandla kulungelelwano. Bakhangelaamalungu amaninzi ngakumbi, baze basilele ukubona iNkosiuYesu Kristu enentsikelelo ibonakalaliswe kwiLizwi layo.Kunjalo.250 Kuxhomekeka ekubeni ukhangela ntoni na. Ukubaukhangela ukuzaliseka kwedinga namhlanje, uyakukubona.Kodwa, ukuba ukhangela ubungqondi obuthile okanye enyeinto ababehleli bekhangela yona, umseki othile obalulekileyo,usozimbali othile, umntu ongomnye, into eyenye, uyakusilelaukuYibona. Kodwa xa uthe wakhangela kuYe ngeLizwi,iLizwi liyamchaza ukuba UnguBani na.251 Wabamema abantu bomhla waKhe ukuba benze kwaloonto. Babengakwazi kuMbona. Wathi, “Zimfamandiniezikhokela iimfama. Nibanga ukuba uMoses ungumprofetiwenu. Ukuba benimazile uMoses, ngenindazile Mna. UMoseswabhala ngaM.” Yaye babezimfama kakhulubengenakuYibona. Bakhangela kuLo, bazimfama kakhuluabaLibona.252 Ndihlanganisa eloo “litha,” ngale ntsasa, okwemizuzuembalwa, uyabona. Bayakhangela, babe bengazi ukubabakhangele ntoni na, ngokuba banokuqiqa okungekuko

Page 35: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

KHANGELA PHAYA KUYESU 35

kwento abazama ukufumana yona. Ubuyakuyazi njani intoofuna ukufumana yona, ukuba awuyazi kwa into okhangelayona?253 Ungathini ukukhangela ithanga, ube ungazange uliboneungazange uve nokuva ngalo? Ungathini ukukhangela ivatala,ukuba awuzange wazi ukuba kukho into enjalo, nokuba injanina umthetho wayo? Kuba, ungafumana isitya nje sasesitiyeniucinge ukuba yivatala. Ungafumana into eyenye, ungafumanaikhuni, ucinge ukuba yivatala.254 Kodwa umelwe kukuyazi into okhangela yona. Yaye inyeindlela onokuze wazi ngayo ukuba uyaphi na, ukubaukhangela ntoni na; ukuba ukhangele kuYesu, uyakukhangelaeLizwini, kuba Yena uliLizwi. “Zizo Ezingqina ngaM.Ziphengululeni iZibhalo.”255 “Nibanga ukuba ni^nikholwa kubaprofeti, ukantiningaboyihlo umtyholi. Ooyihlo, abo babangayo; ekuthumelenikukaThixo abaprofeti kubo, babafaka engcwabeni.Ba_Bababulala abaprofeti. Bonke abo bathi beza,” watshouYesu, “nguwuphi kooyihlo ongazange axulube? Nayeniyakwenza imisebenzi yooyihlo.” Amen! Indoda elilungisa,indoda engcwele, indoda owawungenakukhomba nto kuyo,ukanti Yababiza ngokuba “ziinyoka nabatyholi.” Yabona?256 Ukhangela ntoni? Ukuba ukhangela ukubona umntuothile ophakanyiselwe phezulu? Abanye abantu bacingaukuba ngenxa yokuba uMoya oyiNgcwele usebenza ngawe,ufanelwe ukuba ube ngumntu omde, umfo oziphakamisileyo,ohamba ejikeleza angathi^AsingoMoya oyiNgcwele lowo.UThixo akasebenzi ngeeNgelosi ngoloo hlobo, okanye abokubangwa ukuba bazizo. UThixo usebenza ngomntu.IBhayibhile ithe, “U-Eliya wayengumntu oluvolunjengolwethu,” kodwa wawungenakuze ube ndawonye nayeungekamboni uYesu.257 UPetros noYohane, kwisango elibizwa ngokuba Lihle.Bathi ke bakubancina apho phezulu malunga nokuphiliswakwalaa ndoda, “Babeqondile ukuba babengabantuabangazinto, abangafundanga, kodwa baqonda kananjaloukuba babekhe bakunye noYesu,” Yabona, ngokuba uBomibaKhe babubonakalaliswe kubo.

Ngoku, kuxhomekeka ekubeni yintoni na oyikhangelayo.258 Laa mfazi wayeyifundile iBhayibhile. Kwaye yenawayesazi ukuba kwakukho uMesiya ozayo, waze wazi ukubayintoni na eyakwenziwa nguloo Mesiya. Kwathi nje ukubauYesu athi kuye, “Ndiphe ndisele.”

Wathi, “Akukho sikweni.” Uyindoda nje eqhelekileyo.259 Ngoku, ukuba Wayehleli apho ethwele unkontshoolukhulu, nazo zonke iintlobo zezihombo kuYe, zo_zomntu

Page 36: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

36 ILIZWI ELITHETHIWEYO

ongcwele othile, kuba, laa mfazi ngewayethe, “Kulungile,nankuya umbingeleli,” ahambe. Okanye, “Naluya uhlobooluthile lukaRabi,” ahambe egqithe.260 Umfundisi, into nje eyenye; ndibone indoda isiza kudla,namhlanje, apho bendisidla khona. Wangena ke lo mfo, ene_enengako ukuba mininzi iminqamlezo nezinto ezinjalo kuye;yinto entle ngamanye amaxesha ukuba abafo babenazo ezozinto. Ndicinga ukuba umelwe kukuphila ubomi. Awumelwekuba nempahla eninzi yobufundisi, ukuqondakalalisa intooyiyo. Ngamanye amaxesha bayasela, benze yonke intokangako, batshaye nemidiza, nayo yonke into, banyanzelekileukuba banxibe iimpahla zobufundisi kwa nkqu ukuzebabonise ukuba bangabefundisi na okanye hayi. Injalo loo nto.261 Ndiyakuxelela, iimpahla zobufundisi zomntu kukunxibaubhaptizo loMoya oyiNgcwele. Nantso into eyakubonakalalisaukuba unaye uYesu!^?^Injalo loo nto.262 Ngoku, sifumanisa ukuba, oko kuxhomekeke ekubeniyintoni na oyifunayo. Konxibe kakuhle, elungiswe kakuhle,uhlobo oluthile lonkontsho; awusayi kuMbona, ngokubaWayeyindoda nje eqhelekileyo. UThixo usebenza ngendoda.UYesu wayeyindoda; uThixo usendodeni, kwaye YenawayenguThixo.263 Ngoku, sifumanisa ukuba lo mfazi, wakubona loomqondiso usisimanga, wokuba Wamxelela izinto awazenzayoezingalunganga, okanye into eyayisentliziyweni yakhe, wazikwangoko ukuba yayinguMesiya lowo. Ngoko, wathiakukhangela kuYesu, wabona uMesiya.264 UMesiya, yayiyintoni imisebenzi kaMesiya? Wayeyakwaziimfihlelo yentliziyo. Ingaba ikufumene kakuhle loo nto?Andazi nokuba uyaqonda na. Ukuba unokuMkhangela,ngokuhlwanje, ungakhangela ntoni? Angaba kwayinto enye.UMesiya liLizwi, iLizwi! Kwaye iBhayibhile itshilo,kumaHebhere isahluko se-4, ukuthi, “ILizwi likaThixolibukhali, lisebenza ngamandla ngaphezu kwekreleelintlangothi-mbini, lihlaba lahlule ithambo, licalulaiingcingane zentliziyo.”265 Wathi akwazi ukuba loo Mesiya wayeza kuba liLizwilibonakalalisiwe, aze abe nokumxelela ukuba yayiyintoni naingxaki kuye, wazi ukuba yayinguMesiya lowo. Hayi ngendlelaAnxibe ngayo, hayi ngokuba ingakanani na imfundoAwayenayo; koko, ngomqondiso Awambonisa wona,WayenguMesiya. Wathi akubona uYesu, wabona uYesu;uThixo eseNdodeni, njengoko kwakuthenjisiwe kweso sigabasomthanjiswa.266 Kodwa uyazi yintoni? Abaninzi, abezo zigaba zinyendithethe ngazo, abazange bayibone loo nto. Abaninzi kuboabazange bayibone. yinto enye hamhlanje. Abaninzi

Page 37: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

KHANGELA PHAYA KUYESU 37

abangazange bamqonde uMoses. Abaninzi abazange bamqondeu-Eliya. Abaninzi abazange baqo-^Abazange babaqondebade bemnka, kwakhona ke bayiqondayo.267 Ongakholwayo wabona, ngemihla kaNowa, kuphela okoukungakholwa kwakukhangele kuko? Ndinixelele ukubaikholwa labona ntoni na, ngoku masibone okwabonwangabakholwayo. Ngemihla kaNowa, abangakholwayo babonantoni_babona ntoni phaya emva apho babekhangele khona?Babona “oyibaxayo, etshuntuza esithubeni ngentoekwakusithiwa ngumkhombe.” Nantso kuphela intoabayibonayo. “Ixhego elithile eliphambeneyo elinamabhovuamade amhlophe, elalilahlekwe yingqondo, yaye, ngophandolwenzululwazi nokuqondisisa, lathi, ‘Akho amanzi phayaphezulu.’ Kuba usizana lomfo omdala!” Bamsizela. “Mdluleni;yena uzakupapashwa njengophambeneyo kwakutshanje.Ulahlekwe yingqondo.”268 Kodwa wayeneLizwi leNkosi. Wayesakha eqhubelaphambili, kuyo, noThixo wayebonisa ubungqina bokubaunogumbe wayesiza. Yayingumqondiso kubo lowo. Abobabengakholwa kwibali likaNowa bajikeleza baya kungenaebumnyameni, baze baphelela ekufeni, emanzini,nasengcwabeni lesihogo.269 UFaro, wakhangela ngaxesha lithile. Wabona ntoni,wabona ntoni uFaro? Wabona “oyibaxayo, obizwa ngokubangumprofeti, enento eninzi yababanga ukuba bahlangulwe.”Nantso kuphela into abayibonayo; umxovi wodaka, ikhobokalimi apho phakathi kwabantu, lisithi ngokwalo lalithunywenguThixo ukuza kwenza imimangaliso. Kuba, babecingaukuba lo mfo wayelahlekwe^Bathi, “Hambani, nimyekeafundekele njalo. Uyaku^Bazakumvakalisa njengo‘phambeneyo,’ ngomzuzwana nje.”270 Kodwa wayeno-ITSHO INKOSI. Amakholwa, u-Aron,uYoshuwa, nabaninzi kubo, babona uThixo kuMoses. Kwayeimisebenzi kaThixo, wayenza uMoses, naso isizathu sokubababe bazi ukuba uThixo wayekuye. Bakhangela babonauThixo engaphakathi kuMoses.271 Indoda esisityebi yakhangela yabona kanye loo ntoWayeYiyo. Yabona? Kodwa yala ukuMlandela, ngokubayathanda izinto zehlabathi, kakhulu, ekubeni ingalandelauYesu.272 Zingaphi izityebi eziza kuphulaphula eli khasethi, ezilolohlobo! Akumelanga kuba zezityebe ngemali oko; hayi,ungatyeba ngenkanuko, utyebe ngeziyolo zobu bomi. Mangaphiamadoda, mangaphi amantombazana aselula, mangaphiamakhwenkwe aselula, angayi kuthengisa ngodumo lwayolokuba yikumkanikazi ehamba ze yokwaziwa komfazi, okanyeuRicky ophethe ibanjo okanye ikitara, aphume esonwabisa

Page 38: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

38 ILIZWI ELITHETHIWEYO

ngomculo othile we-rock-and-roll, okanye uhlobo oluthilelomdaniso akwaziyo ukuwenza! Bangaphi kubo abaya kubangaubutyebi bodumo lwabo, baze bale, ngeli thuba bahleli kanyeezinkonzweni bekhangele isandla sikaThixo sihamba sibabazaiLizwi laKhe! Bangaphi abaya kuyenza loo nto!273 Yanyula ihlelo lenkonzo yayo. Yayiya kuphila ngalo.“UYesu wayengoyibaxayo,” kwihlelo layo. Ngokokwakunyanzelekile ukuba kube phakathi kokuba ithabatheokwakuthethwa nguYesu, kungenjalo yayimelwekukuthabatha^274 Kwakutheni ukuze ingayi kumbingeleli wayo, ithi,“Ndingenza ntoni ukuze ndibudle ilifa uBomiobunguNaphakade?” Yayisazi ukuba umbingelelikwakungekho nto ayaziyo ngaBo.

Ngoko weza kuYesu, wathi, “Ndingenza ntoni na?”275 UYesu wathi, “Gcina imithetho.” Wayiphosela kuye kanyekwakhona.

Wathi yena, “Ndiyenzile lento.”276 Wathi, “Gcina imithetho.” Ngoko, wayengekabi nabouBomi obunguNaphakade, kwaye wayesazi ukubawayengenabo. Ungayigcina yonke imithetho, yaye awukabinabo uBomi obunguNaphakade, nangoko.277 Ngoko uYesu wathi, “Ngoku ukuba ufuna ukwenzaokulungileyo, hamba uye kuthengisa onako, uphise ngakokumahlwempu. Ubuye, uNdilandele.”278 Kodwa yayiyinzima kakhulu loo nto kuye. Yabona?Sifumanisa ukuba wakhangela wabona ukuba WayenguBanina, kodwa nangoko wala ukuyithabatha loo nto. Wathiephinda ukukhangela wabe esesihogweni, wakhangela phayakude ebona uLazaro esezifubeni zika-Abraham.279 UPilato wakhangela, ngelinye ixesha, ekuzisweni kwaKhekuye. Wayengazange aMbone ngaphambili. Izandlazazibotshelelwe; igazi lisihla ngomqolo waKhe; isithsabasameva sisentloko kuYe. UPilato wakhangela, waneliseka.280 Ngokuba, ihashe leza liphala lisihla ngesitrato, okhwelekulo watsiba, wabaleka waya wathi, “Nantsi, inkosikaziikuthumele le ncwadi.”281 Waze wayikhangela, yabe ithe, “Pilato, myeni wamothandekayo, ungabi nanto yakwenza ngaloo Ndoda ililungisa,kuba namhlanje ndive izinto ezininzi ezinzima ephupheningenxa yaKhe.”282 Wangcangcazela. Amadolo akhe abetha-bethana. Wazewathi, “Ukuba Unguye uNyana kaThixo, ukuba UnguyeuKumkani, kutheni Ungayithethi nje loo nto? Unguye na WenauKumkani kaSirayeli?”

Page 39: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

KHANGELA PHAYA KUYESU 39

Wathi, “Nawe utsho.”Wathi, “Sixelele inyaniso.”

283 Wathi, “Ndazalelwa lento kanye.” UPilato wamangaliswa.Yena^284 Bonke, wonke umntu, wayecenga ekhala ezinyaweni zakhe.Wathi, “Ndinegunya lokuKubulala, kungenjalo ndinegunyalokuKukhulula.”285 Wathi yena, “Akukho gunya lanto unalo, ungalinikwanganguBawo waM.” Whowu!286 Mhlekazi, wayanelisekile ukuba Lowo wayengaphezukomntu. Wayaneliseke ngokupheleleyo ukuba kwakungaphezukomntu Oko. Ngokuqinisekileyo, wayanelisekile. Kodwa(yintoni?) udumo nezombuso lwalulukhulu kakhulu. Yabona,akazange aMhoye. Udumo lwakhe lwalulukhulu kakhulu.Ezombuso, isikhundla sakhe ebomini, sasisikhulu kakhulu,ekubeni angamnkela lowo uyibaxayo.287 Ingaba bangaphi ooPilato abayakuphulaphula lento,abayakuthi isikhundla sakho kwihlelo elithile lenkonzo sibesikhulu kakhulu, ekubeni wamnkele iNkosi uYesu yenene imikwindawo Ekuyo namhlanje.

Elaa joni lomRoma, emnqamlezweni, lakhangela kuYesu.288 Emva kokuba ihlabathi laba nemeko yokuphazamisekangokuphatshuzela, lashukuma ngokokude amatye aqengqelekeezintabeni. Nelanga latshona emini enkulu, lajika lamnyama.Iinkwenkwezi azaphuma zikhuphe ukukhanya kwazo.Wadubula umhlaba ngamatye nenyikima. Umbane ojiko-jikowatshayela isibhaka-bhaka, walikrazula ikhuselo letempileukusuka phezulu ukuya ezantsi. Kwaye, abantu babebalekabekhala, babengazi ukuba kwenzeke ntoni na.289 Laze eloo joni lomRoma lalincedise ekuMbetheleleni apho,lalihlabe ikrele lagqobhoza intliziyo yaKhe, laze lakhangela,kodwa lalise liphelele kakhulu ixesha. Lakhangela lakholwa,kodwa lase liphelile ixesha kulo lokuba likholwe intoelaliyenzile yayitywine isigwebo salo, lalifake umkhontowagqobhoza intliziyo yoMsindisi. Lalise liphele kakhulu ixesha.290 Ingaba mangaphi amaRoma namhlanje enze kwaloo ntoinye, nayakwenza kwaloo nto inye. Usenokukhangela, ngenyeimini, kodwa lisenokuba lingasekho ixesha. Abaninzibanamhlanje bayakuza ngaloo mini kube kwayiloo ndlela inye.Bebesazi.291 UMzalwana Woods lo; izolo. Ndiyithetha nje kuba ikuloMyalezo. Apha ezantsi kwiNkampani yakwaSlider, kukhoumKatolika waseRoma ohleli apho. Ebehlile esiya kuthengaamatye okusamenta alapha enkonzweni, kwaye, uthe akuya,wamxelela ukuba uwafunela ntoni na. UmKatolika waseRomake wathi, “Ingaba nguMzalwana uBranham lowo?”

Page 40: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

40 ILIZWI ELITHETHIWEYO

“Ewe.”292 Wathi, “Ndizakuthetha into ibenye; xa athandazayo,uThixo uyaphendula.” Uyabona?293 Umangaliswe ngoko, esazi, ebona ukungqinelwa kokubangenene yiVangeli, asindim; ingenguye namntu uthile umeleuKristu. LiLizwi eli sithetha ngalo, hayi umntu.294 Yintoni le ndizama ukuyithetha? Yile, kukuba, bayalibonaiLizwi elingqinelwe ngokucacileyo, njengoko wenzayo uPilatonabanye bebonke benzayo, njengoko lenzayo eloo jonilomRoma, kodwa ingaba uyakulinda lide liphele kakhuluixesha lokuba ungenza nantoni na ngaloo nto?Ngewalisebenzisa ngenye indlela ikrele elo. Iingcangoziyakuvalwa, njengoko kwakunjalo ngemihla kaNowa, libeliphele kakhulu ke ixesha. Usenokuvuka ngentsasa ethile, uthi,“Bendizimisele ukuphuma kule mbudu-mbudu.” Musaukulinda ixesha elide. Kungcono ukhangele uphile ngoku.295 ULuther wakhangela kude kunehlelo lobuKatolika.Wabona ntoni? INtsika yoMlilo. Wabona ibandla elizimelegeqe.296 UWesley wakhangela kude kunehlelo lobu-Anglican.Wabona kwaloo nto inye.297 Inkonzo kaMoya yakhangela kude kunawo onke amahleloeemvaba. Yaba yintoni? Ngabakhulu, abantu abanamandla.298 Benza ntoni bonke ngabanye? Xa abaseki, uLuther,noWesley, nabanye, ekwathi bakukhangela kude babona okobakubonayo baze baphuma; abantwana babo, belandela emvakwabo, bakhangela emva apho babephuma khona bona,bephuma ehlelweni, baze bathabatha eloo qela labantubalibuyisela kanye emva koko konakala kunye babephumekuko.299 Ukhangela ntoni? Abaseki bakhangela kakuhle. Kodwaabantu, ababelandela bona, bakhangela emva koko abasekibabephume kuko, benza kanye loo nto abaseki babechasenenayo; uMthanjiswa kaThixo.300 Uyazi, mandikhawulezise, kuba ndinomgcawokuthandazela ozayo, yaye ndiyazi ukuba abaninzi benubamelwe kukuhamba uhambo olude.301 Ngenye imini nam ndakhangela. Ndabona iLizwi lenziweinyama. Ndabona u-Alfa no-Omega. Andizange ndibonesithathu, isine, okanye isihlanu; ndabona Omnye. NdaMbonanjengoMsindisi wam. NdaMbona, uLizwi. NdaMbona,okukuKhanya. NdaMbona, uThixo Oligorha. Ndabona uThixokuYe. Ndabona iNtsika yoMlilo. Ndabona, kuYe,ngokuchanekileyo oko iBhayibhile yathi Wayekuko. Ndabonaukuba wayengu-Alfa no-Omega, ukuba WayeyiNtsika yoMlilo.Yayinguye izolo, namhlanje, nangonaphakade. Ndabona ukuba

Page 41: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

KHANGELA PHAYA KUYESU 41

iNtsika yoMlilo yathi kuYohane, “UBukho baKheobungenakusilela.” Njengoko watshoyo kwekaYohane,ngaphaya, “Yaye uBukho baKhe obungasileliyo abusayikunishiya.” Mzalwana, okwam ukubona kusihlwanje,kukucula elaa culo:

“Khangela uphile,” mzalwana wam, uphile,Khangela kuYesu ngoku uphile;Kuba kubhaliwe kwiLizwi laKhe, haleluya!Kuphela wena “Khangela uphile.”

302 Khangela! Ubona ntoni? Uyayibona intlangulo? Uyayibonaloo nto Ayiyo? Khangela ngeLizwi uze ubone oko Akuko, uzeke ngoku ukhangele kwangeloo Lizwi linye ubone ukubausekwanguYe namhlanje njengokuba Wayenjalo ngoko.Uluqobo lomzekeliso wenyoka yobhedu entlango, ngenxayesizathu esinye, isono nezifo.303 UYuda wakhangela, ngenye imini. Wathi akukhangela,emva kokuba Wayemkhangele ngenene^Wayekhangelakuphela ebutyebini ngaphambili, ngaphambi koko, kwimbizayemali ababenayo. Kodwa ngenye imini wathi akukhangelawabona uYesu, uyazi ukuba wabona ntoni na? Wabonaubutyala. Wabona ukuba akakulungelanga ukuphila, wazewazixhoma.304 Ngenye intsasa, enye yezona ntsasa zibalulekileyo kuyoyonke imbali yexesha. Xa ndivala, ndithetha oku. Kukho intoeyenzekayo eJerusalem, kwaze ngequbuliso iqela lamajonilehla laya e_ejele. Ingathi ndiyakuva ukukhenkcezakwa_kwamatyathanga; ndiva ukurhuqwa kwemikhontoesitratweni.305 Ngubani lo uphaya? NguBharabhas. Sele elungele ukufa.Ulisela. Akalunganga. Ungumphangi. Ungumbulali. Uzakufa.306 Into yokuqala, wathi, “Ke, kuphelile okwam apha.Ndizakuxhonywa ngale ntsasa.”307 Into yokuqala uyazi, unogada wavula ucango, “Phuma,Bharabhas.”

Waphuma wathi, “Ke, ndiyaqonda ukuba sisiphelo esi.”Wathi, “Bharabhas, ukhululeke ngokupheleleyo.”“Intoni? Nditheni? Ndi^”“Ukhululeke ngokupheleleyo! Ukhululekile,” nditshilo.Wathi, “Ndingakhululeka njani?”

308 Wathi yena, “Kulungile, yiza apha, Bharabhas, khangelaphaya phezulu. Uyayibona laa Ndoda ifayo phaya?Iyithabathile indawo yakho.”309 Ingaba kuthi sisonke, kusihlwanje, unganako ukukhangelaubone oko kwabonwa nguBharabhas, umntu othile ethabathaindawo yethu? “Wahlatywa ngenxa yezikreqo zethu,

Page 42: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

42 ILIZWI ELITHETHIWEYO

watyunyuzwa ngenxa yezenzo zethu ezigwenxa. Ubetholokuba sibe noxolo lwaba phezu kwaKhe; nangemivumboyaKhe,” ndaphiliswa, waphiliswa nawe. Ingaba thina, thinabanetyala, bebemelwe kukuba bagule, singabona kuYeukuhlangulwa kwethu? Wena kanye ubumelwe kukuyaesihogweni; ubone kuYe inkululeko yakho, ilungelo lakholokuya eZulwini. Ingaba ungayibona into eyabonwanguBharabhas ngaloo mini?310 Wathi, “Kusaya kuba mzuzwana ihlabathi lingabisaNdibona, nina ke niyakuNdibona.” Owu, bandla! Ngoko,ukuba Wathi, “NiyakuNdibona nina,” oko kukuqondakalalisaukuba unganako ukukhangela kwakhona. “NiyakuNdibonanina, kuba Ndiyakuba nani, ndibe kuni, kude kubesekuphelisweni kwehlabathi.” Nini? Umbona njani Yena?ELizwini. Yena uliLizwi. Khangela eLizwini ubone ukubasithini isithembiso, kuba nguYe izolo, namhlanje,nangonaphakade.311 Into Awayeyiyo ngokuya Wayehamba eGalili, Usekwayiloonto ngokuhlwanje eJeffersonville, kwaloo nto UyiyokuMnquba kaBranham. Ujonga ukubona ntoni, umseki, indodayehlelo? Awusayi kuyibona kuYesu. Ingaba ujongeububingeleli obuthile obukhulu? Awusayi kububona kuYesu.Hayi. Umbona njani uYesu? NgeLizwi likaThixolibonakalalisiwe, ngokuba Yena wayeliLizwi likaThixoelibonakalalisiweyo. Into Awayeyiyo ngoko, Uyiyo,ngokuhlwanje, yaye uyakuba yiyo ngonaphakade.312 Masithobe iintloko zethu okomzuzwana. Njendizakuyinqumlela ibe mfutshane noko.313 Nkosi Yesu, umthandazo wam ngowokuba, undenzendijonge kude kumaxhala obomi. Nkosi, ndi_ndiyazi ukubasingabantu nje abaphantsi, abangafundanga. Asinazintozininzi kwezeli hlabathi, kodwa sithanda Wena, Nkosi.314 Yaye ndithethela aba bantu. Bebengenakuhlala kwindawoenjengale, baxinane bacudiseke, nalapha kwizihlwele ezithejikelele; bahlale, besitsha, e_ebushushwini; kungenjalo besifayingqele, baze beme kwi^besisiza abantwana babo nabanye,abagulayo nabaxhwalekileyo, besiza bonke; ukuba beze aphaukuza kubona nantoni na eyenye ingenguWe. Abo bantu,Nkosi, bebengenakuza kubona umntu. Baninzi abantuesitratweni; bayafana bebonke.315 Kodwa beze kubona laa Ndoda, laa Ndoda yakwaThixo,laa Yesu waseNazarethe ungowenyama, esiba nguThixo.Ngoku, Bawo, Usixelele eyokuba, “Kusaya kuba mzuzwana,ihlabathi lingabi saNdibona,” kungenamsebenzi nokubabakhangela kangakanani na, abasayi kuLibona. Kodwa Wenauthe, “Nina ke niyakuNdibona,” ikholwa lenyaniso, “ngokubandiyakuba nani, ndibe kuni, kude kube sekuphelisweni

Page 43: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

KHANGELA PHAYA KUYESU 43

kwehlabathi.” Usithembisile thina ukuba, ukuba siyakhangelasiyakubona. Yaye ndiyathandaza, ngokuhlwanje, ukubaUzalisekise esoo Sibhalo kuthi kwakhona ngokuhlwanje,ukuze sibe nokujonga sibone uYesu eZazisa kuthi, ngendlelaenye naleya wahlala Ezazisa ngayo, ezalisekisa iLizwi laKhe,ukususela ngoku, Nkosi.316 Yaye ndikhe ndaphawula, ngaphambi koku, kwaye ngeneneezi zinto ndizithethe ziphuma entliziyweni yam, malunganeePulls, yaye nguWe ondixeleleyo. Ke ngoku, imfihlakalonjengoko ibonakala, ukuba nje besinokukhe sitswebe isazelasethu sangaphakathi, size sibone ukuba ezoo zintobezingenakuxelwa kwangaphambili, ngokugqibelelenjengokuba zinjalo, ngaphandle kokuba oko bekuvela kuThixo.317 Besiyakuyibona njani laa nto yokuQala isenzeka?Ibiyakwenzeka njani eyesiBini? Ibiyakwenzeka njanieyesiThathu? Besingathini ukuma apha, iinyanga ngaphambikokuba yenzeke, size sichaze oko kuyakwenzeka eTucson? Sizesibe nokuvula aMatywina aSixhenxe, sibuyise imfihlakalo,sityhile izinto ezifihliweyo zikaThixo, ezazifihlwe ukususelaekuqalekeni kwexesha. Ukuze ngokuyibona, kokubiniingqiniwe, yangqinelwa, yaqondisiswa ngokwenzululwazi!318 Nkosi, Uligwiba lethu namandla. Uyiyo yonke into esinayo.Yaye ndiyaKubulela, kuba Nkosi, ndiyinxalenye yale nkquboyaKho inkulu. NdiyaKubulela, ngenxa yokuba lilungu loMzimbawaKho, ndikunye nabaninzi abalapha abangamalunguoMzimba, abaninzi kwihlabathi lonke kumabandla ahlukeneyo,abangamalungu aloo Mzimba ufihlakeleyo kaKristu.319 Lonke ixesha sijonga, sibona Yena! SiMbona xa iintakazicula. SiMbona xa ilanga liphuma, kungenjalo xa litshona.SiMva ezingomeni. SiMkhangele ebantwini baKhe. SiMboneengqinela iLizwi laKhe.320 Owu Nkosi, unguThixo wethu Wena. Siyakubiza Wenakwakusasa. UnguBawo onenceba. Sixolele iziphoso zethu.321 Nkosi, sikwixesha lesiphelo. Ndibona ukuba iingcango zizakuvalwa kwakutshanje, iingcango zamathuba. Yaye ngokukusesemini ndisenako ukufikelela ndingene kwezinye zezindawo, Nkosi, ndincede ukuba ndiye. Ndiyaluphala; ndipheamandla. Hlaziya ubutsha bam, Nkosi. Ndincede, ukuzekubekho into endiyenzayo phaya ngaphandle, ngoku, ekubenindilindele eli xesha libalulekileyo ukuba lifike, lizakubakho.Ndincede, Nkosi, ndisaphuma, ukuze ndibe nokwenza, phantsikwendlela ethile, ukuba ndibambise laa Mbewu yokugqibelaimiselwe ngenxa engaphambili, eyakuthi ibuyise iNkosi uYesu.Ndincede, Owu Thixo!322 Yaye ukuba ndandlalela nje omnye iqonga ayakuma kulo,ndiphe, Nkosi, ukuba kwenzeke msinya oko, ukuze iLizwi libenokuzaliseka.

Page 44: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

44 ILIZWI ELITHETHIWEYO

323 Umnqweno wentliziyo yethu kukuba sibone iLizwi laKholizaliseka. SiyaKuthanda. Siyakholwa kuWe. Phakathikwabangakholwayo, abantu abathandabuzayo, isizukulwanase_se_sento esinayo namhlanje, Nkosi Thixo, sisakholwaukuba iLizwi laKho alisayi kusilela. Siyakholwa, ukuba,“Amazulu nomhlaba ayakudlula, kodwa Lona alinakuzelisilele.” Siyimele ngokukhalipha loo Nto.324 Ngoku, Bawo, kweli qela lincinane lilindeleyo. Baninziabagulayo apha. Baninzi abangasindiswanga apha. Abantuabasindisiweyo, ukanti bengazaliswanga ngoMoya oyiNgcwele.Nkosi Thixo, wanga Ungabakho, ngokwedinga leLizwi laKho,ukuze abantu bakhangele babone uYesu, baze ke bathobephantsi banikezele iintliziyo zabo kuWe. Banga abagulayobangakhangela babone ukuba akunakwenzeka ukuba nantonina ibe ingayenza lento, nguThixo kuphela, ngokubaisisithembiso seLizwi laKhe.325 Into esiyithethe namhlanje, kuyo yomibini iMiyalezo,yanga ingangqinelwa ngoku. Isezandleni zaKho yonke, Nkosi.Kwaye mna ndisezandleni zaKho. Ne_Nebandla lisezandlenizaKho. Sebenza ngathi, Nkosi, ukuhlonipha iGama laKhoelikhulu. Owu Wena unguNaphakade, siphe oku ukwenzelauzuko lukaThixo. Amen.326 Ndiyazi ukuba kushushu, yaye ndifuna ukuzamaukuthandazela abagulayo ngoku. Yaye ukuba nje ningandinikamalunga neshumi elinesihlanu, amashumi amabini emizuzu,andazi nokuba mangaphi na amakhadi abawakhuphileyo,kodwa siza kuqalisa kwangoku sithandazele abagulayo.327 Ngoku, uBilly undixelele ukuba ukhuphe, ebemangaphi?[Kukho othi, “Sisinye ukuya kwikhulu”_Mhl.] Ikhu-^Intoni,yintoni? [Kukho ophendulayo.] Kulungile. Kwalunga,masiqalise. Uthe ukhuphe ukusuka kwisinye ukuya kwikhulu.Bangaphi abanamakhadi okuthandazelwa apha? Phakamisaniizandla zenu; amakhadi okuthandazelwa. Kulungile, linaninoko. Sakuzama ukufikelela kuyo yonke into esinokuba nakoukufikelela kuyo, ukuba sinako. Ngoku, asinakubanokuchazwa kweengcinga kubo bonke, uyazi, ngoko sizakuthandaza nje. Kwaye, wonke umntu, bangaphi abangenaloikhadi, ube ugula phofu? Phakamisa isandla sakho. Baninzi.328 Ngoku, khangela. Yintoni na? Ngoku, ndiyazi, sisenokubasi_sisemva kancinane kucwangciso nkqubo, malunga neshumielinesihlanu lemizuzu, kodwa ndifuna ukuthetha lento inye.Isenokuba ngumahluko phakathi, apha, wokudlainguNaphakade eZulwini kungenjalo eSihogweni. Yabona?Khangela, hlonipha nje ukhangele, okomzuzu, phulaphulaiLizwi, uze ubone ukuba Usahleli enguKristu na.329 Ngoku, wonke umntu olapha ngeliphandle uyandazi. Yayeabaninzi benu andibazi, ngokuba andizi ngokwaneleyo apha

Page 45: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

KHANGELA PHAYA KUYESU 45

ngokokude ndinazi. Yaye abaninzi benu bavela ngaphandlekwedolophu. Bangaphi abangabantu bangaphandlekwedolophu, phakamisani izandla zenu. Yabona?330 Ngoku, ndibuze umntu othile apha phakathi edolophini,ngenye imini, ndathi, “Ukhe unyuke?”331 Wathi, “Akukho mfuneko yokuba sinyuke.” Wathi,“Baninzi kakhulu abangabasedolophini, abeza apha,asinakungena.” Yabona?332 Kodwa loo nto_loo nto ilungile. Siza kubalungiselelaindlela yokungena. Yizani, nokuba kutheni na. Qaphela, bonababenalo ithuba ngaphambi kokuba nibe nalo nina. Ewe.333 Ngoku khumbula, ngoku, ndingumzalwana wenu nje.Niyayiqonda mpela loo nto. Ndingumntu; Yena unguThixo.Kodwa uThixo unokusebenza kuphela, wahlala esebenza,kwaye usebenza kuphela, ngomntu. Ngoku khangelangokuhlwanje, hayi kum okanye kuye nawuphi na omnyeumntu, koko khangela kuYesu Kristu.334 Ngoku khangela ngokuhlwanje eSibhalweni, ukubaSithembise ntoni na. Bangaphi kuni^Ndinganikezela ngazozonke iintlobo zeZibhalo, kodwa bangaphi abayakukholwa njekumaHebhere 13:8, ukuba, “UYesu Kristu isekwanguyeizolo^”? [Ibandla, “Amen.”] Kwaye bangaphi abakholwayokuYohane 14:12, “Imisebenzi endiyenzayo Mna niyakuyenzanani”? [“Amen.”] Yabona? Bangaphi abakholwayo ukubaWathembisa ukuba kwa izinto Awayezenza, ngendlela yo“kucalula iingcinga ezisentliziyweni,” ziyakubuya kwakhonangomhla wokugqibela kanye phambi koKuza kwaKhe?[“Amen.”] Aha. Ngokuqinisekileyo. Siyayazi sonke loo nto.Kulungile. Owu, zingaphi ezizezinye, ngamakhulu ngamakhulueZibhalo, kodwa siyayazi loo nto!335 Ngoku khangela. Musa ukujonga ukubona umfundisi.Musa ukujonga ukubona umlungiseleli. Jonga ukuze uboneuYesu. Musa ukubona umntu; bona uYesu. Xa ukhangela,Mbone. Ukuba bendinokukunceda, bendinokuyenza loo nto,kodwa andinako. Andinakukunceda mna; ndingumzalwanawakho nje. Kodwa, Yena uyiNkosi yakho, khangela kuYeukholwe. Kulungile.336 Ngoku masiqale ngenani lekhadi^Kulungile, siza kuqalakwinani lokuqala. Bangaphi^Inani lokuqala, ngubanionekhadi lomthandazo elilelokuqala? Phakamisa isandla.Liphi? [Kukho umntu othi, “Phaya kanye emva.”_Mhl.]Uthetha elakho^[“Uphakamile.”] Ibililo elo? Oo, uxolo.Kulungile. Elokuqala, nyuka uze apha, nkosazana,kulungile^Nifuna ukubazisa bevela kweliphi icala, ngapha?Kulungile, yiza kanye apha, ukuba_ukuba uyakwaziukuhamba. Ukuba kukho umntu obiziweyo, usisiqhwala,abanye bethu bamnyuse. Elokuqala.

Page 46: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

46 ILIZWI ELITHETHIWEYO

337 Elesibini, ngubani onekhadi lesibini lomthandazo?Phakamisa isandla sakho, ngokukhawuleza kangangokounokuba nako. Elesibini, liphi? Andiliboni. Phi? Uxolo, a_andi^Kulungile ngapha, nkosazana.338 Elesithathu, awunakuphakama, okanye wenze enye into?Kulungile, elesithathu.339 Elesine. Ikhadi lomthandazo lesine, awunakuphakamisaisandla? Liphi? Andiliboni. Ikhadi elinenani lesinelomthandazo. Uthini? Elesine.340 Elesihlanu. Ngubani onenani lesihlanu, awunakuphakamisaisandla sakho? Andiliboni. Elesihlanu.341 Inani lesithandathu. Inani lesithandathu. Ngokukhawuleza,ngokukhawuleza kakhulu, inani lesithandathu. Kulungile.

Isixhenxe. Nguwe, isixhenxe? Kulungile. Ilungile loo nto.342 Isibhozo. Isibhozo, ngokukhawuleza kakhulu ngoku.Phakama, ngokukhawuleza okukhulu. Kulungile, isibhozo.Kulungile, mhlekazi.

Ithoba, ithoba, liphi? Inani lethoba. Kulungile.Inani leshumi. Ishumi, kulungile, ishumi, kanye kweli cala.

Ishumi.Ishumi elinanye, elinesibini, elinesithathu, elinesine,

elinesihlanu.343 Asizi kubiza babebaninzi kakhulu kananjalo ukuze nibenokufumana^Yabona, isizathu sokuba senze lento^Likhadi nje elinenombolo kulo, yabona, ukuze nize njengelinani. Loo nto yenza ukuba balandelelane.

Ishumi elinesihlanu. Ikhadi lomthandazo leshumielinesihlanu. Kulungile.344 Ishumi elinesithandathu, ishumi elinesixhenxe, ishumielinesibhozo, ishumi elinethoba, amashumi amabini, amashumiamabini ananye, amashumi amabini anesibini, amashumiamabini anesithathu, amashumi amabini anesine, amashumiamabini anesihlanu.345 Mabeze, benze umgca ngoku, amashumi amabinianesihlanu, ude wakheke umgca wenu. Nyukani ke ngokungokwamanani enu. Kulungile. Ningezi ngexesha elinye.Yizani nijikele kweliya icala, ukuba ninako, ukubaningaphaya, yizani. Ngoku amashumi amabini a-^346 Besibize eliphi, amashumi amabini anesihlanu? [Kukhoumntu othi, “Amashumi amabini anesihlanu.” ] Kulungile,masiphumle kumashumi amabini anesihlanu, okomzuzu nje.Kulungile.347 Ngoku ndithi, ukuba anifuni kuma ithuba elide kakhulu,wakuwubona usihla, uze ungenelele kubo ngoko; amashumi

Page 47: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

KHANGELA PHAYA KUYESU 47

amabini anesihlanu, amashumi amabini anesithandathu,amashumi amabini anesixhenxe. Yithi nje, ke, ulinde, uwuyekeuhle kancinane umgca, awunyanzelekanga ukuba umekakhulu, ithuba elide.

Ngoku masithobe iintloko zethu.348 Owu, zihlobo, ngoku yintoni? Ngoku kuphi apho sikhoyo?Ngoku siseku_sekupheleni. Sikwixesha lokuba kubekho intoeyenziwayo, uthi “Ewe” okanye “hayi.” UThixo umelwekukufunyanwa elungile kungenjalo engalunganga.349 Ngoku, namhlanje ndishumayele iintshumayelo zambini,kunzima, ndizama ukunixelela ukuba uyintoni na Yena,ndinixelela ukuba ixesha liyavalwa; uyintoni na Yena,Wayeyintoni na. Ke ngoku xa sikhangela, ngokuhlwanje,masikhangele kuYe.350 Ngoku, wonke umntu, eGameni leNkosi uYesu, hlalaesitulweni sakho ngoku. Ungazulazuli. Hlala uzole ude ubizwe.Abantwana mabathi^351 Ngoku, ukuba kwenzekile ndithi, “Thoba intloko yakho,”uyenze ngokukhawuleza loo nto, sthandwa, kuba izintoezingendawo ziyemnka, ezinjengomhlaza nezinye izifo, yayeziphumela phakathi kwabantu, zize zingene kwabanye. Bonkeabakholwayo yiloo nto, nabaziyo ukuba isiSibhalo, bathi,“Amen.” [Ibandla lithi, “Amen.”_Mhl.] Siyifumana,eBhayibhileni, ukuba imimoya engcolileyo yaphuma komnyeyaya komnye, ekukhutshweni kwayo. Yaye yayizamaukufumana indawo.352 Ibe mangaphi amaxesha esiye sayibona loo ntoenkonzweni! Abantu beze enkonzweni, bephilengokupheleleyo bengaguli, bahlale apho bagxeke; baze,kusuku okanye kwiintsuku ezimbini emva koko,bafumaniseke bezimfama ngokupheleleyo, kungenjalobebethwe ngomhlaza, beziziqonga. Yabona, ngokubabebengabangakholwayo. Andinaxanduva ngabo; kuphelandinalo ngabakholwayo. Abaninzi babo bayakungenaezindimangeni, kwiminyaka emininzi eyadlulayo, yayebaselapho, abanye baya engcwabeni labo, nje ngenxa yokubabenenkani, bengakholwa.353 Ayikho indawo yongakholwayo ngoku. Yindawoyabakholwayo kuphela. Kholwa kuThixo!354 Bawo waseZulwini, ngoku yeyaKho inkonzo; ibiyeyaKholonke ixesha. Ngoku, ndingathetha ngeLizwi laKho; kodwangoku, ukusukela ngoku ukuya phambili, andinakuthetha.NguWe Othethayo ngoku, Nkosi. Makwazeke ukuba umkhonziwaKho ubaxelele iNyaniso. Banga abantu abalapha,mhlawumbi baninzi abalapha begula, abangayi kukwazinokungena kumgca wokuthandazela, kodwa Ukho nangoko,

Page 48: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

48 ILIZWI ELITHETHIWEYO

Nkosi. Ungaphilisa naphaya kude, kanye njengokuba Uphilisanaphi na. Malaziwe iLizwi laKho, eGameni likaYesu,ndiyathandaza. Amen.355 Ngoku ukuba ningakhe nindihoye ngokupheleleyookomzuzwana nje. Ndifuna ukujonga ndihlise lo mgcawokuthandazela. Eneneni andikholwa nokuba kukho umntuomnye endimaziyo. Ingaba, kulo mgca wokuthandazela,ninonke anazani nam, niyazi ukuba andinazi? Phakamisaniizandla zenu ukuba kunjalo. Andazani nabo. Bangaphi aphongaphandle abaziyo ukuba akukho nto ndiyaziyo malunganabo? Phakamisani izandla zenu, apho ngaphandle, yabona.Ngokuqinisekileyo, ngamashumi alithoba anesihlanuekhulwini labantu apha, andibazi. Yinyaniso leyo.356 Ngoku nanku umfazi omncinane, andizange ndimboneebomini bam. Ungowasemzini ngokupheleleyo kum. Ngoku,usenokuba uzele ukugula apha. Usenokuba ulapha^Mhlawumbi kukho into ayenzileyo. Mhlawumbi ulapha ngenxayezezimali. Mhlawumbi yingxaki yasekhayeni. Mhlawumbiulapha emele omnye umntu. Andazi. Andinalo nofifi.357 Kodwa nasi ngokuchanekileyo iSibhalo esikuYohaneoNgcwele, isahluko se-4, indoda nomfazi badibana okokuqala.Yaye akukho mathandabuzo, kuba, loo mfazi uselula wadibananoYesu, Wayemdala kunaloo mfazi, ngokuba, “Yena,” bathi,“Wayekhangeleka enamashumi amahlanu, okanyeengaphezulu kwamashumi amahlanu,” yaye ngeliphandleyayingumfazi nje omhle oselula lo wayephaya ngaphandleequleni, yayiyintombazana nje eselula. Kwaye naku kwakhonangokuhlwanje, abantu ababini bedibana, oselula nomdala,ngaphandle kokwazana.358 Ke ngoku yena umi phaya. Sikho isizathu esithile sokubaeme phaya. Andisazi. Usenokuma phaya, ngokomlahlekisi.Usenokuma phaya, ethetha into ethile, abe engeyiyo, ukuzeabone nje ukuba kuzakwenzeka ntoni na. Ukuba kunjalo, uzeukhangele ukuba kuzakwenzeka ntoni na. Yabona? Yabona?359 Ngoku, andilazi eli nenekazi; andizange ndalibona.Beliphakamise isandla salo, emzuzwini odlulileyo, ukubonisaukuba andazani nalo. Kwaye ndibambe isandla sam, alazaninam. Andizange ndilibone. Kulungile, ngoku ukuba ndi^360 Ndiyindoda nje, ndinyanzelekile ukuba ndithi,“Nkosazana, yintoni ingxaki yakho? Uze kwenza ntoni apha?Ufuna ntoni?”361 Lona ke lithi, “Mnumzana Branham, ndi_ndilapha ngenxayokuba ndi_ndihlutshwa ngumhlaza. Ndihlutshwa yi-TB isifosephepha. Ndihlutshwa lithumba.” Okanye, “Ndiswele imali.Mna^Umyeni undishiyile.” Okanye, “Anditshatanga,isithandwa sam siso esenze ngoloo hlobo.” Kunganyanzelekaukuba lindixelele.

Page 49: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

KHANGELA PHAYA KUYESU 49

362 “Ke,” ndingatsho, “kulungile, ndi_ndi_ndizakukuthandazela; ndibeke izandla zam phezu kwakho, ndithi,‘Nkosi Thixo nika lo mfazi oko akufunayo. Amen. Yesu,kwenze oko!’” Ndiliyeke limnke. Ke, ndiyaqonda ukuba ukubabeliyakukholwa kuloo nto, beliyakuphila. Ilungile loo nto. Ibelulungiselelo olo kwemininzi, iminyaka emininzi.363 Kodwa kwabekwa ngedinga, ngemihla yokugqibela, ukubanjengoko iNgelosi, uThixo, wayehleli ngaphakathi emzimbeniwomntu wathi wavela ngaphambi kokuba iSodom itshe, wazeWahlala eze ngomva waKhe apho uSara wayekhona, wazewaxelela u-Abraham into eyayicingwa nguye engaphakathiententeni; uThixo, esenyameni yomntu, enxibe impahlazomntu.364 Yaye yiloo ndlela kuphela uThixo anokuyenza ngayo loonto namhlanje, kuxa Ayakungena enyameni yakho, yabona,abonise ukuba uThixo unokubonakalaliswa esenyameniyomntu.365 UYesu wathi, “Njengokuba kwakunjalo ngemihlayaseSodom, kuyakuba njalo ekuzeni koNyana womntu.”Sinaye umthunywa, uBilly Graham nabanye phaya ezantsieSodom, kodwa iBandla elinyuliweyo lamnkela uMyalezokunye nomthunywa.366 Ngoku, ukuba eli nenekazi^ukuba uMoyaoyiNgcwele^Ungathi Uyakuyenza loo nto, ukuba Yenauyakuza andixelele into omele yona apha, okanye_okanye intooyifunayo, okanye into ethile oyenzileyo, okanye into ethileozakuyenza. Kuba, ungazi ukuba ivela kumthombo othilewamandla angaphezu kwendalo loo nto, kuba simi nje apha,yabona. Loo nto ingayelungileyo, akunjalo? Ngoko ungaziukuba inyanzelekile ukuba ibe iphuma kwigunya lamandlaangaphezu kwendalo. Yaye ukuba iBhayibhile itshilo ukubauYesu wenza kwaloo nto inye, waze wathembisa ukuyenzakwakhona kwimihla yokugqibela, ngoko ungakholwa ukubanguYe lowo. Bangaphi abakholwa kwaloo nto inye? [Ibandlalithi, “Amen.”_Mhl.] Ngoko ungabona uYesu. UngabonaiLizwi laKhe.

Ngoku uthi, “Ingaba UliLizwi?”367 IBhayibhile ithe UliLizwi. Yaye iBhayibhile itshilo ukuthiiLizwi licalula ingcingane esentliziyweni. Kunjalo? [Ibandla,“Amen.”_Mhl.] Ngoko iyakuba liLizwi elithethwe ngemilebeyomntu, licalula iingcinga.368 Ngoku, andinako mna. Andinandlela yakuyenza loo nto,yabona, kuba andilazi eli nenekazi; kodwa Yena uyalazi, yayeYena uliLizwi.369 Kwaye Yena nguLowo unokuthabatha imimoya emibiniyethu, njengoko wenzayo kumfazi equleni, nakuYe,

Page 50: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

50 ILIZWI ELITHETHIWEYO

ayihlanganise; aze aye kude ngokundibonisa kanye ukubauzele ntoni na apha, wenze ntoni na, okanye yintoni naayifunayo, okanye enye into. Ndize ke ndibe nokuyithethandiyithethe, kuxhomekeke kuye ke ngoko.

370 Ngoku uthi, “Mzalwana Branham, unako ukumphilisa?”Hayi, hayi. Andikwazi ukuyenza loo nto Yena sele wayenzayo.Ngemivumbo yaKhe saphiliswa.

371 Kodwa ukwenzela ukukhulisa ukholo lwakhe, ukwenzelaukuba azi ukuba, ukuba Wazi into ebeyiyo nento ayifunayo,Uyazi_Uyazi ukuba angamnika njani na loo nto nokubauyakuba yintoni na emva koko. Akunjalo? [Ibandla lithi,“Amen.”_Mhl.] Ngoku, uyakholwa yiloo nto wonke umntu?[“Amen.”]

372 Ngoku hlonipha ngenene. Nani bantu niphaya phandlengoku, ningenawo amakhadi okuthandazelwa, thandazani.

373 Ngoku, khumbula, uYesu wadlula kwiqela labantu ngenyeimini, kwakho umfazi omncinci owachukumisa ingubo yaKhe.Waze Waguquka wathi, “Ngubani lo uNdichukumisileyo?”Waze Wakhangela kulo lonke eloo bandla wade Wamfumana,waze wamxelela ukuba ebenethombo legazi. Nokuba igazilakhe lema ngeloo xesha. Yabona?

374 Ngoku, iBhayibhile ithe Yena ngoku u “nguMbingelelioMkhulu onokuchukunyiswa zizilwelwe zethu.” Akunjalo?

375 Ndikhangele kuMzalwana Way, ohleli apha ecalenikwenkosikazi yakhe. Kutshanje laa ndoda yayimi apha xandandishumayela, kanye njengokuba uPawuloswayeshumayela ubusuku bonke ngobunye ubusuku, yaze lendoda yawa yafa kanye phakathi kwesihlwele. Waze uMoyaoyiNgcwele wayivusela ebomini kwakhona. Ulingqina,yabona, ukuba, “UYesu Kristu isekwanguye izolo, namhlanje,nangonaphakade.”

376 Bangaphi abangazange bambone uMzalwana Way,abanokuthanda ukumbona; phakamisani izandla, abangazangebambone. Mzalwana Way, awunakukhe uphakame? Nantsi loondoda, yawa yafa malunga nalaa ndawo ihleli kuyo kanyengoku. Ngoku nantsi inkosikazi yayo, ingumongikaziobhaliswe ngokusemthethweni, imi kanye phaya. Yayingabethiintliziyo yayo, imnkile; amehlo ayo erhoxile, imnyamaebusweni; kukuhlasela kwentliziyo.

377 UGqirha wayixelela ukuba ikhathazwa yintliziyo.Ngaphambi koko, ndandiyifumanise ngokucalula loo nto,kungekudala kwixa elidlulileyo, ndayixelela ukuba inengxakiyentliziyo. Ke ngoko, kwathi ngequbuliso, intliziyo yayo yema,nantso isihla. Yayiyiyo leyo ke, ilele apho, imnkilengokupheleleyo.

Page 51: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

KHANGELA PHAYA KUYESU 51

378 Kwakumalunga nesithandathu okanye isibhozo samatyelindibona iNkosi uYesu ibuyisa abafileyo. NdaMbona eyenza loonto, yaye Angayenza nangokuhlwanje.379 Ngoku ndithabathela wonke umoya, olapha, phantsikolawulo lwam, ukwenzela uzuko lukaThixo, eGamenilikaYesu Kristu. Hlonipha. Ukhangele.380 Ndifuna ukuthetha nawe, nkosazana. Bendishumayela,uyabona. Ukuze nje ndibe nokubamba umoya wakho, yiloo ntokanye endiyenzayo. Yabona?381 Ikho into ngaphakathi kuwe, ubomi, kungenjalongewungemanga apho; ubuya kuba yinto nje, ilele ifile, yayeubungayi kuba nabomi kuwe. Kodwa, ngenxa yokuba kukhoubomi kuloo nyama, buyakulawula. Yabona? Ke ngokuneengcinga zakho ngokwazo nento oyicingayo, amazwiowathethayo, nayo yonke into, ayiloo nto uphila ngayo.Yabona? Yiloo nto oyiyo, ngamazwi, iingcinga zakho, nantonina oyiyo.

Ngoku, thina, silapha, sikholwa. Ngoku uMoyaoyiNgcwele^

Njengoko uYesu wamxelelayo laa mfazi, “Ndiphe Ndisele.”382 Ke, wathi akuzisa, wathi, “Kuba, Wena, Awumelwekukucela loo nto kum. Mna_Mna ndingumSamariya.Wena^UliJuda wena. Asinabudlelane omnye nomnye,hayi_akukho ndlela, asinamazwi omnye komnye.”383 Ngoku, kodwa, kakade, sobabini siziNtlanga. Kwaye simiapha sikholwa nje kuThixo. Ngoku, ukuba uMoya waKhe utheweza ngakum njengesipho, ube nokukuxelela into; owaziyoukuba inyanisekile na okanye hayi, kakade uyiphilile loonxalenye yobomi. Ngoko, ngoko unaso isipho, onokukholwangaso. Yaye ukuba uyakukholwa kuloo nto, aze Akuxelelengayo, ngoko iphelile. Yaye iyakusebenza kumntu wonkeolapha. Ngoku, wonke umntu ahloniphe ngenene.384 Eli nenekazi ke lihlutshwa yinto engalunganga emqaleniwalo. Yinkathazo yomqala. Ukuba kunjalo, phakamisa isandlasakho. Ngoku, andizange ndilibone ebomini bam. Kunjalo.Nantso into elizele yona apha, kukuba ndithandazele umqalawalo.385 Ngoku, kanye ngoko, nje ukuba ndithethe loo nto, okanyengaphambi koko kancinane, beli^Belisazi ukuba kukho iNtoethile esondele kulo. Into ethile esondela kuye, khona ngoko.Ubunokumbona indlela aphatshuzela ngayo, ukuzivaokumnandi ngenene, okunjalo, kumchukumisa.386 Okwa kuKhanya nikubona emfanekisweni. Uphi aphoukhoyo, George? Okwa kuKhanya kwakukula mfanekiso,kundanda kanye phezu kwalo mfazi, khona ngoku. Yabona,ukwenye imo. Ulikholwa, akalokholwa lokuzenzisa. Ulikholwa.

Page 52: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

52 ILIZWI ELITHETHIWEYO

387 Ngoku, ekubeni ke ulikholwa, uyakholwa kum ukubandingumkhonzi waKhe, okanye umprofeti? Kunyanzelekileukuba ndibe nguye, ukuze ndibe nokwenza loo nto. [Lo dadeuthi, “Ewe, mhlekazi.”_Mhl.] Uyakholwa ukuba Angakuxelelaezinye izinto ezisentliziyweni yakho? [“Ewe, mhlekazi.”]Kulungile.388 Nantsi into esentliziyweni yakho. Ngumntu othileomthandazelayo. Ngumntwana. Uyakholwa ukubaAngandixelela ukuba yintoni na ingxaki yakhe?Unentsholongwane. Ingaba kunjalo? [Lo dade uthi, “Injalo loonto. Ewe.”_Mhl.] Uyakholwa ukuba uThixo angandixelelaukuba ungubani na? [“Ewe, mhlekazi.”] UnguNkosikaziWalker.”] Kulungile. Awuveli apha. [“Hayi.”] UvelaeMazantsi. [“Kunjalo.”] EGeorgia. [“Kunjalo.”] Uyagoduka,uphilile. UYesu Kristu ukuphilisile nomntwana wakho.Ungakhathazeki yiloo nto. Iphelile. UThixo akusikelele, dade.389 Kunjani? Ngoku nanku omnye umfazi. Andimazi,andizange ndimbone. Ungumfazi nje omi phaya. Ngokukhangela, bendishumayela, konke, ukusukela ngentsimbiyesibhozo, kwade kwayintsimbi yeshumi ngoku. Ziiyureezimbini ezo ndilapha. Okwa kucalula kunye kundenzabuthathaka ngaphezu kwentshumayelo yeeyure ezimbini.Yabona? Oko^Yabona?

Uthi, “Uthetha ukutsho ngaloo nto?” Oo, ewe.390 Laa mfazi wachukumisa umqukumbelo wengubo yaKhe.Wathi, “Ndiyaqaphela ukuba kukho isidima esiphumileyokuM,” amandla. Akunjalo? Yayiyiloo nto eyabanga oko.

Ngoku, nanku umfazi endingazange ndimbone.391 UBilly ebeye ngaphaya, ukuba uqaphele, wathabatha laankwenkwe sinayo apha, uGeorge uyinkwenkwe yomBhaptizi.Ndifuna ukuba abone ukuba yintoni na le siyithetha ngoThixo.Uyise, usapho lwakokwabo, ngabantu abalungileyo.BaseMexico, ngabaseki mabandla, abantu abalungileyo.Kwaye uyise uyagula, naye. Ndilindele nje ukuba afike. Ngokukhangelisisa, George.392 Ngoku, eli nenekazi, a_a_andilazi. A_Andizangendilibone. Ndiyaqonda ukuba asazani omnye nomnye. [Lodade uthi, “Kunjalo.”_Mhl.] Asazani.393 Kodwa ngoku, uMoya oyiNgcwele, ubumnandi bukaYesubukhona, sonke singamangqina aloo nto. Ngoku ukuba iNkosiuYesu iyakutyhila kum into ethile malunga nawe^394 Ngoku, ukuba bendikwazi ukukuphilisa, bendiya kuyenzaloo nto, kodwa andikwazi ukwenza into asele Eyenzile. Inyeinto, ukuba Ebemi apha ngokuhlwanje enxibe le suti,Wandipha yona, ke, ngoku, E_Ebengayi kukuphilisa, ngokubasele Eyenzile loo nto. “Ngemivumbo yaKhe saphiliswa.”

Page 53: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

KHANGELA PHAYA KUYESU 53

Yabona? Kodwa inye into Ebeyakuyenza, kukuZicacisangeLizwi Awalithembisayo, enze ukuba ubone ukuba nguYeizolo, namhlanje, nangonaphakade. Kwaye Wathembisa ukubauyakuyenza loo nto.395 Ngoku ukuba Uyakundisebenzisa ukukuxelela into ozeleyona apha, ungalusebenzisa olo kholo unalo, kuYe, ukukholwaukuba uyakwamnkela oko unako^uzele kona apha?Ngentliziyo yakho yonke? [Udade uthi, “Ewe, ndiyakwenzanjalo.” Kulungile, yanga iNkosi ingakupha.396 Ndibona inenekazi elinengxaki. Ukuxilongwa kubonisaukuba lune_neqhuma esiswini. [Lo dade uthi,“Kunjalo.”_Mhl.] Injalo loo nto. [“Injalo loo nto.”] Yinyaniso,ewe, mhlekazi, iqhuma esiswini. [“Lilo.”] Uyakholwa ukubauThixo angaliphilisa iqhuma? [“Ewe, mhlekazi. Ndikholwakonke endinokukukholelwa.”] Wena ninonke_nina^[“Ngakokonke endinokukholwa ngayo.”] UThixo akusikelele. [“UThixounako ukusiphilisa isisu sam.”]397 Ngoku, awuveli apha. [Udade uthi, “Hayi,mhlekazi.”_Mhl.] Uncame okuninzi ukuze uze apha. [“Ewe,bekunjalo.”] Bekunjalo. [“Mayibongwe iNkosi!”] Ewe. Ewe.Uvela eTennessee. [“Ewe, mhlekazi.”] Injalo loo nto. NkosikaziHart. [“Kunjalo.”] Phindela; ungathandabuzi. Uyakuphila,ukuba nje unokukholwa.398 Kunjani, nkosazana? Asazani omnye nomnye. [Udade uthi,“Kunjalo.”] Andizange ndikubone ebomini bam, ngokokwazikwam. Isenokuba ndakubona, kwindawo ethile enkonzweni,usenokuba nawe wandibona, kodwa andikwazi. UThixouyakwazi. Uyakholwa kum ukuba ndingumkhonzi waKhe, libeilizwi endilishumayeleyo liyiNyaniso? Ke, njengokubasingazani nje; libe iLizwi, endilishumayeleyo, ukholiwe kulo.399 Inye into, kukuthi, kukho abaninike amakhadi; kuphakathikokuba ngamadikoni, okanye unyana wam, okanye omnyeumntu okunike ikhadi. Labizwa inani lakho, naku ke ulapha.Nantso kuphela into endiyaziyo.400 Kodwa ulapha, ukhathazwa bubuphatshu-phatshuengqondweni. Ikuhlupha kakhulu loo nto. Kukho umntuohamba naye. Kukho umntu omthandazelayo.Ngu^ngumyeni wakho. Yaye unengxaki yokomoyaangakwaziyo nje ukuyoyisa. Unomntwana ogulayo, kananjalo.Awuveli apha, koko uvela eMantla. Uvela eCanada, e-Alberta.Injalo loo nto. Uyakholwa kum ukuba ndingumprofetikaThixo, ukholwa ukuba oko ndikuxelela kona kuyiNyaniso,goduka yaye uyakukwamnkela oko ukufumeneyo. Ewe.Kholwa. UThixo akusikelele, nkosazana.401 Andazani nawe. Awazani nam nawe. Andikwazi. KodwauThixo uyakwazi. Uyakholwa kum ukuba ndingumkhonziwaKhe. [Udade uthi, “Ewe ndiyakholwa.”] Ngentliziyo yakho

Page 54: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

54 ILIZWI ELITHETHIWEYO

yonke? Andikwazi, akukho nto ndiyaziyo ngawe. Ukubabendinokukuphilisa, bendiyakwenza njalo, kodwaa_andikwazi. [“Amen.”] Andingomphilisi. Ndiyindoda nje.Kodwa Yena unguThixo. Ndibubhideka nje kancinane,ngokuba kukho umfazi omdalana omi phakathi kwam nawe.Ngumntu othile omthandazelayo. [“Ewe.”] Ewe. Ngumamawakho. [“Ewe, nguye. Ewe.”] Yaye ukhathazwa li_liqondoeliphezulu lobushushu begazi. [“Ewe, unalo.”] Kwayeune_unezintso ezingcolisekileyo. [“Ewe, mhlekazi.”] Injalo loonto. [“Yinyaniso leyo.”] Uyakholwa yiloo nto? [“Ewe,ndiyakholwa.”]402 Umama wakho akakho apha. [“Lo dade uthi,“Hayi.”_Mhl.] Kodwa wakufika kuye, uthabathe eso sikhafusijijelwe entanyeni, usibeke phezu komama wakho,ungathandabuzi, eloo qondo liphezulu lobushushu begaziliyakumyeka, nokungcoliseka okukuwe kuyakumnka. Hamba,ukholwe ngoku.403 Niyakholwa ngoku? [Ibandla lithi, “Amen.”_Mhl.]Ngentliziyo yenu yonke? [“Amen.”] Ngoku, uyabona,ndikhangela phaya kwisihlwele, kukhangeleke njengathi_ngathi kuyaqalisa ukuba lubisi, ngolo hlobo, phaya.[Yindawo engenanto le ekhasethini.]404 “Ezi zinto ndizenzayo Mna niyakuzenza nani.” Wenzeizinto ezingaphezulu kanye apha, ngokuhlwanje, kunokubaYena^okanye ezelo hlobo, kunokuba Wenzayo kuhamboluphela lwasebomini. Injalo loo nto.

Ngoku, eli lona inenekazi, umfazi oselula. Andilazi, alazaninam. Kodwa uyakholwa kum ukuba ndingumkhonzi waKhe?[Udade uthi, “Ewe.”_Mhl.] Ngoku umzuzwana nje.405 Kukho indoda ebize phambi kwam, umntu othile aphaesihlweleni. Ngoku umzuzu nje. Umntu othile aphakwisihlwele. Kumnke ngeloo xesha kanye; okwaa kuKhanyakumnkile apha. Yaye bekukho indoda ebimi ngakuKo,ikwindawo ethile esihlweleni. Ningadinwa nje; nibengabakhuthazekileyo.406 Masibuyele emva kwakhona sibone kulo mfazi. Ngokuukuba iNkosi uThixo^Sisithandathu okanye isisixhenxe,okanye enye into, edlule apha, phantsi kokucalulwa. Yayeukuba iNkosi uYesu uyakutyhila kum, kulo mfazi, nokubayintoni na engalunganga kuye, ingenza ukuba ninonkenikholwe ngentliziyo yenu yonke? Ningamamnkela uKristuphezu kwezo ziseko? [Ibandla, “Amen.”_Mhl.] Yabona?Ngelinye ixesha imelwe kukuqondakaliswa. Amatyeliamathathu bubungqina. Eli ke lelamashumi amawaka amaxa,kungaphandle kokuba iphosakale nangexesha elinye.407 Awuzelanga isiqu sakho. Uze ngenxa yendoda. Yayendiyibona ihleli ithobe intloko yayo. Itshaya umdiza, kwaye

Page 55: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

KHANGELA PHAYA KUYESU 55

uthandazela ukuba umdiza uyiyeke. Loo nto i^Yanga iNkosiuThixo ingakunika isicelo sakho, dade. Hamba, ukholwangentliziyo yakho yonke, yaye wanga loo mtyholi womkhwaungamyeka umyeni wakho, eGameni leNkosi uYesu.408 Inkathazo yakho isemqolo. Uyakholwa kuThixo ukubauyakuyiphilisa? Uyakholwa? [Udade uthi, “Ewe,ndiyakholwa.”_Mhl.] Kulungile. Hamba, uthi,“NdiyaKubulela, Nkosi.”409 Ndiyamazi lo mfazi, ndiyakholwa ukuba yintombikaNkosikazi Neece. Akunjalo? [Udade uthi, “Ewe.”_Mhl.]Ndicinge ukuba yiyo. UThixo akusikelele. Laa nkathazo indalayomqolo iyakukuyeka ngoku yaye ungagoduka uphile.410 Uyakholwa ukuba uThixo uyasiphilisa isifo samalunguamathambo akwenze uphile? Hamba uMxelele ukubauyakholwa kuYe. Kholwa nje ngentliziyo yakho yonke.411 Kunjani, mhlekazi? Uyakholwa ukuba uThixoangayiphilisa loo ngxaki yesisu akwenze uphile? [UMzalwanauthi, “Amen.”_Mhl.] Kulungile, hamba ngoko, uthi,“Ndibulela iNkosi, ndi_ndizakuphila ngoku.” Kwayeuya_uyakuphila.412 Sesinye isiganeko sesifo samalungu esi, nokwaluphala,kananjalo. Uyakholwa ukuba uThixo uyakukuphilisa ukubandibeke izandla phezu kwakho? [Udade uthi, “Undiphiliseamatyeli amaninzi, ngawe, ngokubekwa kwezandla zakhokum, mzalwana.”_Mhl.] Niyivile loo nto? [Ibandla lithi,“Amen.”] INkosi ikusikelele dade, ikunike ukuhlangulwakwakhona ngokuhlwanje. Amen. Kholwa nje kuYe.413 Ingxaki yentliziyo, ingxaki yesisu. [Udade uthi, “Ewe.”]Uyakholwa ukuba uThixo unokuyiphilisa? Kulungile. Hamba,eGameni leNkosi uYesu, wanga Angakuphilisa.414 Kunjani, mfanyana? Ingxaki yesifuba. Uyakholwa ukubauThixo unokusiphilisa isifuba? [UMzalwana uthi, “Ewe.”]Hamba, kholwa yiloo nto; Uyakuyenza. Kulungile.415 Yingxaki yeswekile. Uyakholwa ukuba uThixo unakoukuphilisa igazi lakho akwenze uphile? Hamba, kholwa kuYe,kwaye Uyakuyenza loo nto. Uyakholwa yiloo nto ngentliziyoyakho yonke?416 Bekuyakuthini ukuba bekungekho nto ndiyithethileyokuwe; ndibeke nje izandla zam kuwe; uyakholwa ukuba uMoyaoyiNgcwele ulapha ukuze akuphilise? [Isigulana sithi, “Ewe.”]Nantso indlela eyenziwa ngayo loo nto. Yiza apha. EGamenilikaYesu Kristu, wanga angahamba aphile. Amen.417 Yiza, nkosazana. Ukuba andithethanga nto kuwe, uyakholwaukuba uThixo uyakuyiphilisa ingxaki yakho yabasetyhini e-^Hayi, uxolo, sele Eyithethile loo nto. Hamba. UThixoakusikelele. Hamba, hamba, ukholwa, ngoko, uphile.

Page 56: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

56 ILIZWI ELITHETHIWEYO

418 Uyakholwa, mhlekazi, ngentliziyo yakho yonke? UThixouyayiphilisa ingxaki yentliziyo Akenzi njalo? [UMzalwanauthi, “Ewe.”_Mhl.] Uwenza aphile amadoda. Ndiqinisekileukuba Uyayenza loo nto.419 Yena, Yena unguThixo. Niyakholwa yiloo nto? [Ibandlalithi, “Amen.”_Mhl.] Niyakholwa kuloo nto ngentliziyo yenuyonke? [“Amen.”] Yibani nokukholwa kuThixo!420 Kukho indoda eyenze into ethile apha, emizuzwini njeembalwa edlulileyo. Ndifuna ukufumanisa loo nto. Ibiligazi.Kukho umntu ofumene ingozi, okanye into ethile eyenzekileyo.Ibi_Ibikukopha. Ibikwindawo ethile. Le ndoda ibihleli apha;bendisandula kuthandaza. Ewe, yiyo. Yile ndoda ihle-^Kuba, nguJ.T. Parnell. Ndiyamazi lo mfana. Wophangaphakathi, J.T. Uyakholwa ukuba uThixo uyakukuphilisa?Kulungile, liyakuyeka ngoko, ukuba uyakholwa yiloo nto.Kholwa ngentliziyo yakho yonke.421 Eli nenekazi lihleli apha kanye, likhangele ngaphaya,lihleli phaya ngakuMzalwana Grimsley. Kukho ukuKhanyangakulo. Wena, unomqala wempahla omncinane omhlophe.Marry, andikwazi, kodwa ligama lakho elo. Ukhathazwayingxaki yasemoyeni, yaye kananjalo uphatshu-phatshukakhulu. Yilibale loo nto; izakulunga yonke. Kholwangentliziyo yakho yonke. Kholwa kuThixo. Ukuba njeunokukholwa.422 Eli nenekazana lihleli kanye phaya phezulu kumgcaongemva, ngaphaya ecaleni kweliya cala, livela eMichigan,likhathazwa yingxaki yabasetyhini. Uyakholwa ukuba uThixouyakukuphilisa? Ungayifumana into oyicelayo, ngoko.Uyakholwa? Amen. Phakamisa isandla sakho, uthi,“Ndiyayamnkela.” Kulungile, ungagoduka uphile. Andilazielaa nenekazi, kodwa uThixo uyalazi.423 Kuthiwani ngawe ulapha kwibhedana esongwayo? Nguwekuphela umntu osisiqonga, okanye umntu okwibhedi encinane.Andazani nawe. Andikwazi. UThixo uyakwazi. Kodwa, ndithi,ugutyungelwe lithunzi lokufa. Unomhlaza. Uvela kudekakhulu. Uvela eCincinnati, apha. Igama lakhounguMnumzana Hawk. Kholwa ngentliziyo yakho yonke.Ukuba uhleli apho, uyakufa. Yamnkela uYesu Kristuuphiliswe. Uyakholwa kuYe? Ngoko yima ngeenyawo zakho,phuma kweloo qonga lebhedi, wamnkele uYesu Kristu.424 Bangaphi apha abakholwayo kuYe, ngeli xesha? [Ibandlalithi, “Amen.”_Mhl.] Niyakholwa ngentliziyo yenu yonke?[“Amen.”] Ngoko sonke, nonke ngabanye, yimani ngeenyawongoku. Phakamani. Ngoku ngendlela eyeyakho, ngendlelaothandaza ngayo, beka isandla kumntu othile osecaleni kwakho.425 Uphi uDade Brown? Ebehleli apha, ehlupheka yiloo nto.Ngenye imini wandibiza emnxebeni, wabe engakwazi

Page 57: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

KHANGELA PHAYA KUYESU 57

kuphakamisa izandla zakhe. Ndabona ukuba yinto ethileengalunganga kwigazi lakhe. Ndathi ndakuhlangana nayengenye imini^Uneswekile. Uphi? Ebelapha kunyenoNkosikazi Dauch, emzuzwini odlulileyo. Kulungile, DadeBrown. Ngokuhlwanje, ndifuna ukuba ukholwe ngentliziyoyakho yonke. Ndiyazi ukuba uyazi ukuba yintoni na ingxakiyakho, kodwa ndifuna ukuba ukholwe. Uphume esibhedlele,ukuba uze apha, yabona, ukuze uthandazelwe.Ndiyakuthandazela ngoku. Kholwa. Uzakuphila.426 Margie, kholwa kuThixo. Izakuyeka khona ngoku.Izakuphela. Uyaziphilisa izifo zeswekile, Angakuphilisa kokukugula kusesiswini sakho.427 Ngoku mntu ngamnye bekani izandla omnye komnye,nizibambe izandla zenu apho okomzuzwana. Beka nje izandlazakho komnye, ubambe^Yabona, kuza kubetha intsimbiyeshumi elinanye, yaye abaninzi kwaba bantu bazakuqhubabesiya eTennessee nakwiindawo ezahlukeneyo.428 Ngokuqinisekileyo, iNkosi uThixo iqondakalalisile. Ubonentoni, ngokuhlwanje? Ingaba ubone indoda okanye uboneuYesu, uYesu engqinela iLizwi laKhe?429 Ezi tshefu zilapha, ngeli thuba intambiso isephezu kwam,izandla zam ziphezu kwezi tshefu, ndithandaza ukuba uThixoOnamandla onke^Bathi, “Bathabatha besusa kumzimbakaPawulos iitshefu, okanye imibhinqo.”430 Naba abo babefile, baze bavuswa. Bakho abobabekwiingozi, bebotyokile, baphilisiwe. Kukho i^431 Ndibona uNkosikazi Wilson emi apha, owathi,kungekudala kwithuba elidlulileyo, wayesophela ukufa, yiTB,kwiminyaka eyadlulayo. Nguye lo ngokuhlwanje, oogqirhababengamniki ngaphezu kweeyure nje anokuziphila. Nankuemi apha ngokuhlwanje.432 Jikelele, ukuphumela apha, iziqhwala, iimfama, izilima,abakwiinqwelo ezinamavili nayo yonke into, nabaya bemiphaya ngokuhlwanje bezizibonakalaliso eziphilileyo. Kuthenikunjalo nje? UYesu Kristu uyaphila, usekwanguYe izolo,namhlanje, nangoNaphakade.433 Laa ndoda isandula kungqina, emzuzwini nje odlulileyo,ngayo, phaya ezantsi, eyayinesithuthwane, eyayinaso yonke loominyaka, nayo yonke into, yaze yathi ngexesha nje elinyeenkonzweni. Yaye ngoko kwakumalunga, ngokusondeleyokumashumi amabini eminyaka eyadlulayo; ayizange ihlaselweukusukela ngoko. Yenye leyo kumashumi amawaka.

434 Ungumphilisi. Amen. Uyaphilisa. Ngoku, ungathabathekikakhulu. Yithi nje, ube nokholo olunjengolomntwana,ukhangele lee eKalvari. Vala amehlo ulibale ngokuba ukulo

Page 58: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

58 ILIZWI ELITHETHIWEYO

Mnquba. Vala amehlo ulibale ngokuba kukho umntuokufutshane nawe, ukhangele kuYesu ubone. Khangela kuYesungoku uphile.

Kubhaliwe eLizwini, Haleluya!Kuphela kukuthi “khangela uphile.”Owu, “khangela uphile,” mzalwana wam,

khangela,Khangela kuYesu ngoku uphile;Kubhaliwe eLizwini, haleluya!Kuphela kukuthi “khangela uphile.”

435 Wavale amehlo akho ebantwini. Wavale amehlo kwizintoezikungqongileyo. Ukhangele ngokholo lwakho, kuYesuKristu, wazi, ukuba, “Wahlatywa ngenxa yezenzo zethuezigwenxa; ngemivumbo yaKhe saphiliswa.”436 Nkosi Yesu, njengokuba aba bantu bethandaza, kwaye,babeke izandla zabo omnye phezu komnye. Kwaye thinasi^yaqonda ukuba simi kuBukho bophilayo, uYesu Kristuovukileyo, ekwimo kaMoya oyiNgcwele, esityhilela iimfihlelozeentliziyo zethu, esazisa kuthi iminqweno yethu, esithembisaukuba Uyakusinika iminqweno yethu ukuba nje siyakukholwa.437 Abafazi namadoda babekene izandla. Bayathandaza,ngokuba singabemi kunye boBukumkani bukaThixo.Singabazalwana kunye noodade bakaYesu Kristu.438 Ke, Sathana, siza kuwe simelana nawe eGameni leNkosiuYesu. Nguye iKrele. NguYe onqumla asuse ukugula. NguYeonqumla asuse ukuthandabuza. Yena nguMeyisi. Ngokusimelana nawe, eGameni likaYesu Kristu, ukuba uphumekwaba bantu, Sathana!439 ILizwi likaThixo libonakalalisiwe. Liyalusa, lisuseukuthandabuza, lisuse isifo, lizise intlangulo egqibeleleyo.Siyathandaza ukuba uMoya oyiNgcwele uwele aba bantu,ubanike amandla wokholo lokukholwa ukuba uBukhobonamandla onke uKristu bulapha ngoku. Siphe oko, Nkosi.440 Ndikhalimela konke ukugula. Ndikhalimela zonke izifo.Ndikhalimela konke ukungakholwa. EGameni likaYesu Kristu,wanga uMoya oyiNgcwele ungakuhlonipha okondikuthethileyo, utshayele nje kuso sonke esi sakhiwoukhulula wonke umntu okuBukho obuNgcwele.441 Phakamisani izandla zenu ngoku niMdumise. Ndivakalisaukuba niphilile niphilisiwe, eGameni likaYesu Kristu! `

Page 59: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

KHANGELA PHAYA KUYESU 59

KHANGELA PHAYA KUYESU XHO63-1229E

(Look Away To Jesus)

Lo Myalezo kaMzalwana uWilliam Marrion Branham owawushunyayelweekuqaleni ngesiNgesi ngeCawe ngokuhlwa umhla wama-29 kuDisemba, ngowe-1963, kuMnquba kaBranham, eJeffersonville, e-Indiana, eMelika, wathatyathwakwisishicileli-mazwi washicilelwa ungafinyezwanga ngesiNgesi. Le nguquleloyesiXhosa ipapashwe ngowe-2006 ngabe:

C2006 VGR, ALL RIGHTS RESERVED

VOICE OF GOD RECORDINGS

P.O. BOX 950, JEFFERSONVILLE, INDIANA 47131 U.S.A.

Page 60: XHO63-1229E Khangela Phaya kuYesu VGR - …download.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1229E Look Away To...KHANGELA PHAYA KUYESU 3 uMzalwana noDade Blair bahleli kanye apha kusihlwanje, behleli

Ilungelo lombhali elilelakhe lokushicilela

Onke amalungelo agciniwe. Le ncwadi ingaprintwa kwiprinta yasendlini ukwenzela ukuba isentyenziswe okanye kunikezwe ngayo, ngaphandle kwentlawulo, njengesixhobo sokukhawulezisa iVangelli kaYesu Kristu. Le ncwadi ayinakuthengiswa, yenziwe kwakhona ngesixa esikhulu, ifakwe kwi website, igcinwe kwindawo apho inokukhutshwa khona, itolikelwe kwezinye iilwimi, okanye isetyenziselwe ukurhwebesha imali ngaphandle kwemvume echaziweyo ngombalo ephuma eVoice Of God Recordings®.

Ngeechukacha ezithe vetshe okanye malunga nezinye izinto eziphathekayo, nceda qhagamshela:

VOICE OF GOD RECORDINGSP.O. BOX 950, JEFFERSONVILLE, INDIANA 47131 U.S.A.

www.branham.org